Inkawu Idliw'ilila Imibuzo Emide

Download as pdf or txt
Download as pdf or txt
You are on page 1of 13

INKAW’IDLIW’ILILA IMIBUZO EMIDE

UMBUZO 1
Izigqibo azithathayo umntu zichaphazela ingomso lakhe.Ngqina la mazwi ujonge umlinganiswa
onguThantaswa.
Kule noveli umlinganiswa oyintloko onguThantaswa, ubonakala ethatha izigqibo
ezitshintsha ubomi bakhe. Ibali eli luhlobo lwebali olusekelwe kwiintshukumo
zabalinganiswa.UThantaswa ongumlinganiswa oyintloko kule ncwadi, wenza isigqibo
sokuba athandane noMsindisi Yangaphi kuba embona efumile. Esi sigqibo simkhokelela
ukuba alahle isithandwa sakhe uMfuneko nasele enomntwana kunye naye. Uthatha
isigqibo sokutshata noMsindisi, athi sele etshate naye kube kubi kungabikuhle
emtshathweni wabo kuba umyeni wakhe efuna ukuzeka isithembu.

• Iimeko ezingentle emtshatweni zimenza athathe isigqibo sokubuyelana noMfuneko,


utata womntwana wakhe, ngelithi akonwabanga kumtshato wakhe noMsindisi.
Ukubuyelana kwakhe noMfuneko kumbeka esichengeni sokuphantsa aphelelwe
ngumendu xa uMsindisi embhaqa ukuba unekrexe.
• Akubhaqwa uThantaswa, wenza isigqibo sokuba aye kuhlala ixesha elininzi ezilalini
zomzi wakhe, alungise umzi ngelizama ukuba athenjwe ngabantu bomzi nangumyeni.

• Umnqweno wokunga angafana noNompumelelo ongusomashishinikaz ngenxa yokuba


washiywa nelifa ngumyeni wakhe, nesigqibo sikaMsindisi sokuzeka isithembu simenza
afikelele kwisigqibo sokuba abulale uMsindisi, ukuze abenokufumana ilifa, abenalo
nethuba ekudala elilangazelela lokulawula namashishini kaMsindisi.Esi sigqibo
simdibanisa mpela noMfuneko othi akusiva abone icham lokutya imali yelifa
yomhlolokazi. Uba lixhoba likaMfuneko engaqondi.

• Isigqibo seyelenqe lokubulala uMsindisi simenza axhomekeke kakhulu kuMfuneko


kuba inguye oza kumnceda ukufeza oko. UMfuneko umthembisa ukuba uza kwenza
iindlela zokuba ityala lingasondeli kuye. Ugqiba ekubeni athenge ootsotsi ukwenza
eli sikizi, ze uMsindisi agwintwe esendleleni eya eThekwini.
• Isigqibo sokubulala uMsindisi, simenza asale esisisulu sokutyelwa imali
nanguNompumelelo owenza ngathi uyamnceda ekuqhubeni amashishini kanti
uneenjongo ezingezizo.

• Isigqibo sokubulala uMsindisi sakufezeka sibutshintsha mpela ubomi bukaThantaswa


kuba uphela eba yinxalenye yamayelenqe okuzama ukubulala uMapheza ngeenjongo
zokuzisindisa ekubanjweni. Akurhanelwa de kucace ukuba nguye umbulali, iimali
nezinto zikaMsindisi zithathwa ngurhulumene azibeke elugcinweni, asale uThantaswa
enganamali.
• Oku kudala iingxabano phakathi kwakhe noMfuneko.
• Ekugqibeleni akuqonda ukuba akukho ukuphuncuka, ityala lijongene naye, nootsotsi
bachaze inyani, uzibona enganakho ukubhadla ejele, uthatha isigqibo sokuzibulala.
UMBUZO 2
CHAZA INDLELA UMBHALI AM ZOBE NGAYO UMFUNEKO UKUPHUHLISA UMXHOLO WOLWAPHULO MTHETHO KULE NOVELI.

Ukuzotywa kwabalinganiswa kuxhomekeka ekubeni umlinganiswa angene phantsi kodidi


oluthile lwabalinganiswa. Umzekelo uMfuneko ngumlinganiswa ophambili kuba uthatha
indima elinganayo neyomlinganiswa oyintloko. Umbhali unako ukusebenzisa uzobo ngqo
ukuchaza abalinganiswa. Umbhali usenokusebenzisa uzobo olumayana.

UMfuneko Mnenga:

Iindlela zokuzoba abalinganiswa zimbini:

(i) Indlela engqalileyo- uzobo ngokuthe ngqo-umbhali unokubachaza ngokwakhe


okanye athume omnye wabalinganiswa ukuba amchaze umlinganiswa kungenjalo
amthiye igama elihambelana nesimo sakhe.
(ii) Indlela engangqalanga- uzobo ngokumayana apho umbhali abenza bazipele
ngokwabo okanye bazibonakalise ngokwabo izimo zabo. Xa esenza oku usebenzisa
Kule ndlela yokubazoba uyakwazi ukubenza babonakalise icala elinye kuphela kubuntu babo oko
kukuthi aqaqambise into enye ngaloo mlinganiswa.

UMfuneko umzoba ngokumnika isihlalo esiphezulu esipoliseni angasihloniphiyo okanye


angasiniki sidima aze aqaqambise icala lakhe elibi lokuba lipolisa elingumbulali, elisisaphuli
mthetho.

• Esi sihlalo simnika amagunya okwenza izinto ezinxamnye nesipolisa.


• Ufuna ukuphanda kuphela amatyala apho aza kuzuza umzekelo xa umfazi ebulele indoda ukuze
azuze kwilifa laloo ndoda.
• Ukho kubiwo lwemipu yamapolisa engungqondongqondo.

Ngokumthiya igama

• Umthiye igama lokuba nguMfuneko wamnika nefani ehambelana nezenzo zakhe enguMnenga.
Xa ulicazulula igama eli lithetha ukuba ngenene uyafuneka kwiimeko zolwaphulo mthetho kule
ncwadi.
Umnika ifani enguMnenga. UMnenga sisilwanyana saselwandle esirhuqela kuso kwaxhoba
esilifumanayo elwandle. Kule ncwadi simbona erhuqela kuye uThantaswa,
uNompumelelo, ooSixaki, ooNqoza kunye nooSiphongo ukuze aphumeze ezakhe iinjongo
zokufumana imali. Akamkhathaleli nokuba ugqibela engene kuyiphi ingxaki lowo athe
wamrhuqela kuye ujonge ukumnqwamza qha. Akanalo nosini nokuba uThantaswa bazana
njani lunye ulwimi asebenza ngalo yimali aza kuyifumana Umzoba ngokumchaza ngqo.

• Umchaza athi 'wayeyinyoka nesele noMfezeko Mapheza' ngenxa yokuthathelwa kwakhe umntu
wakhe onguHlengiwe owayesele wahlukana naye. Oku ukusebenzisa ukuze avale nawaphi na
amathuba uMfezeko abenokuwafumana okuphanda eli tyala ngempumelelo. • Umbhali uchaza
njengofikelwe nguSathana akucinga ukuba naye angafumana kule mali kaThantaswa.
• Umbhali umchaza njengomfo onezigigaba uMfuneko- sitsho simve esitsho ukuba uMapheza akazi
kuhamba lula kuphando lwakhe ekho. Esinye isigigaba sesi sokudlisa uMapheza ngetyhefu ade
amthengele ixhwele uSiphongo ukuba amtshise ngoVutha kuba engafuni aphande ityala lokufa
kukaMsindisi.Umbona ekuthanda kakhulu ukuphumelela ngezinto ezingekho mthethweni
Uyamzoba nangokumchaza ngokwakhe okanye amenze azichaze ngokwakhe
• Ngeentetha zakhe uyatsho ukuba akazi kulungisa mthetho wonakala kudala.
• Uzichaza ngokwakhe azichaze njengesilambi xa ezithelekisa noYangaphi atsho abe angenza
nantoni ukuzilinganisa naye. Ukumzoba mayana: usibonisa izenzo zakhe apho azityhila
ngokwakhe ngezinto azenzayo sitsho sihlumise kuzo ukuba ungumlinganiswa onjani.
• Isenzo sokufowuna esazisa ngomphanga kaMsindisi siyawakhamnqisa amapolisa ukuba ebesele
eve ngabani engekho semsebenzini.
• Isenzo sokuthandana noHlengiwe azonde abantu abuye abuyele kuThantaswa
s
simzoba njengodlalani. Akayincami intokazi awayekhe wanayo ubetha ebuyelela

kuyo okwezulu laseMthatha.Umzoba njengophuma silwe ingakumbi kulo mba


unoHlengiwe phakathi.

• Le mali ayifuna shushu yena, uyamlahla uThantaswa xa eyifuna gqitha kuba eso

sisizathu asibekayo sokwahlukana noThantaswa anomntwana naye. Phofu

Thantaswa lowo umthembisa ngokumtshata xa iphumile imali yelifa likaMsindisi.

• Umzoba njengepolisa elaphula umthetho nanjengoko umbalisi ezixela izenzo

zokuba kwakukudala esamkela iimali zokunyotywa zizihange awayezikhulula sele

ezibambile. Kwalapha uzotywa njengepolisa eliba imipu yasemapoliseni aye

kuyithengisa ematyotyombeni- emva kokusikisa isitshixo sesitora- oku kuchazwa

uZalala ongumgcini stora emapoliseni.

• Usebenzisa uNqoza ukudlisa uMapheza ngetyhefu ade azame ukumbulalisa

nangexhwele yakohlulwa ityhefu.

Umzoba njengengcuka eyambethe ufele lwegusha.

• Uba ngumyebelelana ozenza ngathi akazi nto ngokufa kukaMsindisi esazi.


• Uzigqatsela ukuphanda ngemipu elahlekileyo kuba esazi ukuba kufuneka egquke umkhondo.
• Unyoka uMfezeko kwamanye amapolisa njengempimpi-athi udla abanye izithende' ukuze
bamthiye bahambele kude kuye. • Umane exelela uThantaswa ngeemini amapolisa aza kuya
kuphanda kwaThantaswa.

Uzithembile kulo msebenzi wokwenza okubi.


• Xa kuthethwa naye uthi qhuzu qhuzu nje. Uphazamisa ingalo yomthetho ngokusuka aman'ukuthi
ingqina abathetha nalo ooMapheza ligula ngengqondo. Unabo ubuyatha anabo.
• Emva kokutsha kwetyotyombe lakwaSiphongo, nguye owazisa ngokufa kukaMfezeko de kuye
kuvelwa kwikhaya lakhe engazazi ukuba uyaxoka.

• Ufaka uThantaswa kwisivumelwano sokuhlawula uSiphongo noMdlambila izivumelwano ezisuke


zayilahleko yodwa.
• Ude athi kushiyeke bayozibonela uMapheza xa engcwatywayo engazi ukuba khange afe
uMapheza • Ubika kuqala kwinto yonke ekungenzeka nyhani
Uxolele ukujinga iliso kunokuba angayifumani imali kaMsindisi.

Umzobe walipolisa elihloniphekileyo


• Isikhundla sakhe sobucuphi simenze waba namandla okuphanda amatyala amaninzi,-ngesi
sikhundla uphande ityala lokubulawa komyeni kaNompumelelo wakwazi ukugquka umkhondo
wababulali. La mava okuphumelela kulo mzamo uwasebenzisa ekulukuhleni uThantaswa
kumkhuba wokubulala indoda yakhe, atsho athembeke.
- Umbhali umnike isikhwasilima sokunyolukela imali ngokokude angene kwizenzo ezininzi
zobuqhophololo ezinjengokulahla umkhondo wababulali bomyeni
kaNompumelelo,ukuthenga ababulali ooSixaki babulale uMsindisi ngenjongo yokuba
uThantaswa atye ilifa,ukuncedisa uThantaswa ekuthatheni izigqibo kumalinge okufumana
ilifa.
- Ugqamise ubuqhophololo bakhe ngezenzo zakhe ezigwenxa esipoliseni
njengokuthengisa imipu atyhole uMapheza,ukufaka uInspector Nqoza kumgibe
wokuthiyisela uMapheza ukuze angabi nampumelelo kuphando lwakhe.

UMBUZO 3
NGQINA UZIXHASE UKUBA INOVELI ETHI’INKAWU IDLIW’ILILA’YINOVELI ENGOLWAPHULO
MTHETHO.

• Kwinoveli engolwaphulo-mthetho, ugqaliso lukukhuphiswano phakathi komntu


womthetho kunye nesaphuli mthetho oludalwa kukwahluka ngezimvo
ngokulungileyo nokungalunganga kuxhomekeka kwiindawo asuka kuyo okanye
kwiqela labantu asuka kulo ekuhlaleni umlinganiswa omele olo luvo.
Olu phawu luyabonakala kule noveli kukhuphiswano oluphakathi kukaMfezeko
Mapheza olipolisa eliphanda ngokubulawa kukaMsindisi Yangaphi onguSomashishini
othandwa ngabantu bonke kwelo laseGcuwa. Abaququzeleli bokufa kwakhe
bakwasesipoliseni kwaye bacinga ukuba bekulungile ukwenza ulwaphulo mthetho
kuba imali abayirholayo esipoliseni incinci ngoko banga bangayengeza ngokwaphula
umthetho besebenza nabahlali abakwangabaphuli mthetho kodwa nabo befuna
imali yokuphila. OoSixaki babulala abantu ngeenjongo zokufumana imali. UMfuneko
uphazamisa umthetho uhambisa imipu yasesipoliseni ngokungekho mthethweni
esithi wengeza imali. UMdlambila uligqwetha elisebenza uThantaswa ingqondo
lifuna avume ukuba uza kumhlawula akumnceda ngokutshintsha ubunini kwiincwadi
zelifa likaMsindisi.
• Ibali lixhaphake ukusungulwa ngesiganeko solwaphulo mthetho esihlasimlisayo.
Singakukubulala okanye nayiphi na ukuze emva koko kudlalwe impuku nekati
phakathi kwezaphuli mthetho nabantu bomthetho. Ngokunjalo nakule inoveli, sivula
ngesiganeko solwaphulo mthetho apho kubulewe uMsindisi Yangaphi. Ngoko nangoko
kudlalwa impuku nekati kuba uMfuneko Mnenga iindaba zokufa kukaYangaphi
zisasazwa nguye. Nguye oxelela uThantaswa ukuba abafana bawuqhube kakuhle
umsebenzi wabo. UMfuneko ulipolisa lomthetho elimele ukugcina umthetho. Uthatha
uxanduva lokuhlalela ukulahla umkhondo de amngene engqondweni uNqoza efuna
ukuba ahiliteke ingqondo angazazi nokuba wenzani amphikise nakulo naliphi inyathelo
abazama ukulithatha njengamapolisa aphandayo. Kweyakhe imbono kuya kuthi ukuze
kube kulungile liphandwe nguye eli tyala aze kulidukisa njengamanye asele ewenze
ngolo hlobo phantsi kwegama lokwenza i'deal'. Kudlalwa impuku nekati kude
kwenzelwe uMapheza amayelenqe okumbulala ukuze ityala lide liwele kuMfuneko.
UMapheza akungafi yityhefu, wenzelwa iyelenqe lokutshiswa ngovutha. Akusinda
nakuloo vutha kuzanywa macebo wambi okummpimpa ngezinto ezingeyonyani.
Kodwa umthetho ude uphumelele kuba imikhondo yalathe ukuba imipu ibithuthelwa
elokishini kwaze kwade kwalungiswa wanqunyanyiswa uMfuneko emsebenzini.

• Owona mxholo uqhuba olu didi lwenoveli ngowokuba 'ubulungisa kanti yintoni
na?/wenzani umntu olilungisa kwintlalo yoluntu? Ufumanisa ukuba ilizwe lebali
liphume esiporweni okanye liziintlaba zahlukane kwindlela ekutolikwa ngayo
ubulungisa.
Xa ulimamela eli bali abantu seberhonorhono bonke ukuthathela kuMfuneko, Sixaki,
Thantaswa, Nqoza, Siphongo, Mdlambila bonke balwela ubulungisa obuza kwiziqu
zabo kuphela obungenanto yakwenza nesizwe siphela. Bonke, macala bacinga ukuba
bantsingiselonye ngobulungisa kanti abanye benza ubulungisa kanye xa besaphula
umthetho.
• Kuba nguqulukubhode abanemipu nemali okanye enye yazo beveza amandla abo
abe namapolisa kwelawo icala esithi ngumthetho onamandla. Kuloo qulukubhode
abantu baphila kabuhlungu bayoyika. Bona ukungcungcutheka olukwikhaya
likaMsindisi nabazalana naye sibe esi sibini sigcoloda kukuvuya.
• Eminye imixholo yolu didi ingabandakanya ukubuyisela isidima kwilizwe
elinobutshilikithi/lorhwaphilizo/inkululeko yomntu omnye okanye inkululeko
yeqela elithile labantu ngokuchasene nomthetho okanye inkululeko yabaninzi.
Kanye kanye le inoveli ijoliswe ekubuyiseleni isidima somthetho apho kunkone kanye
kwiziseko zomthetho-izikhululo zamapolisa, iiofisi ezigcina amafa, isigqwetha
esinoxanduva lokukhusela abantu kubarhwaphilizi kanti ngabo kanye abaza
kuntywilisela isizwe kurhwaphilizo. Simbonile uMdlambila onkone etshawuza efuna
esakhe isabelo kodwa nalapha umthetho uyaphumelela kuba kuthe kanti bakho
abababonayo.
• Kuxhaphakile ukubakho kolunqa malunga nokuba kanye kanye ngubani esi saphuli
mthetho.
Kube njalo kanye kule noveli kuba kusele kuqhuba uphando lokufumanisa ukuba
kanye kanye ngubani esi saphuli mthetho. Kuko okusokolisa uNqoza kuba izaphuli
mthetho zidlala u'ndize' kanye nale mbono.

• Akubikho bunzulu bunikwayo ngesenzo eso simasikizi.


Nakweli ibali, akukho buzaza nazinkcukacha zinzulu ngokufa kukaYangaphi kuba
injongo asikokufuna mbulali kuphela koko kukuncothula neengcambu imikhuba
yolwaphulo mthetho. • Kukho umlinganiswa ozenzo zihle osebenzisa umthetho
ukohlwaya ozenzo zibi. Nakule inoveli umlinganiswa omele umthetho ngulo kaMapheza
othe kwiimeko ezingamacimicimi weza nesisombululo.

• Isenzo sokubulala sisonjululwa lipolisa elinobuntu uMapheza. Oku

kuphendula umbuzo othi, ingaba amapolisa aya kukwazi ukunqanda


izaphuli
mthetho phambi kokuba ziphinde zaphule omnye umthetho na?

• Umlinganiswa oyintloko/iqhawe uzimisela ukuyilungisa yonke le nto aze

esakufunyanwa ohlwaywe umbulali/umenzi wobubi izinto zonke zibuyele


esiqhelweni isizwe sibuye sihlalisane kakuhle ngoxolo.

Ekugqibeleni kule noveli bonke abophuli mthetho bohlwayiwe ooNqoza baphelelwa

ngumsebenzi, ooMfuneko bagxothwa wabe uSiphongo ebezohlwaye ngokwakhe

ngokubulala unyana wakhe ngezandla zakhe, imipu yabuyiselwa endaweni yayo.

UThantaswa noMfuneko bafa luhlaza bebulalana kwabodwa.

• Kolu didi lwenoveli abantu abenze ubulungisa bavuzwa ngemisebenzi

emihle. UNontsikelelo ufumana indlu ngokusindisa ubomi bukaMapheza,

uMapheza yena ufumana iwonga lobucuphi ngokutyhila bonke ubugewu obulele


esipoliseni nakwilokishi yalapho eGcuwa.
UMBUZO 4

Ukomelela/ukuqola komlinganiswa oyintloko kubonwa ngenani,ububanzi nokuphakama


kwemiqobo athe wahlangana nayo ebalini.Ngqina olu luvo ngomlinganiswa uThantaswa.
• Ukomelela komlinganiswa oyintloko kubonwa ngenani okanye ububanzi bemiqobo
athe wahlangana nayo ebalini ukuya kwimpumelelo okanye isiwo sakhe.
• Imiqobo zizo naziphi iziphazamiso eziza nomchasi ukuze angayifumani lula into
ayifunayo oyintloko.
• Kule ncwadi uThantaswa unguye umlinganiswa oyintloko owomeleleyo kuba
ubesilwa nomchasi onamandla- umthetho.

Ngezantsi yimiqobo anokuchankcatha kuyo umfundi ozama le mpendulo:

• Umqobo wokuqala ngowokufumana uMsindisi ongusomashishini awuqabele


ngokuqweba isibindi esithatha kumandla awahlohlwe nguNomathamsanqa ukuba
asebenzise ikhadi elineenombolo zemfonomfono.
• Akumfumana uMsindisi ufuna ukuba nomntwana kaMsindisi azokuba nendlalifa,
sisuke siphume isisu kucace ukuba akanakuze afumane bantwana – iphupha lakhe
lendoda esisityebi lifadalale.
• UMsindisi ufuna ukutshata isithembu xa uThantaswa engenakufumana bantwana
uThantaswa awuqabele ngokujima noMfuneko bahlobane.
• Ngowokubulala uMsindisi xa kucaca ukuba akabandakanywa nakuloo mashishini
ngenxa yokungabi namntwana.
• Noku kuhamba noMfuneko kuphinda kube ngumqobo kuqinise injongo yesithembu
awuqabele lowo ngokuya kuhlala kuloMsindisi, akhe ipomakazi lendlu ahambe
necawe ngenjongo yokuthenga ubuso noxolo lukaMsindisi.
• Akulufumana uxolo ukhwela kwinqwelo yokubulala kunye noMfuneko emva
kokufumana icebo kuMfuneko malunga nendlela angamsusa ngayo.
• Akumsusa kuvela umqobo wokuba iincwadi zelifa azimbandakanyi awuqabele
ngokuya kuMdlambila.
• Kukwakho nalo wokuphepha ityala lokubulala uMsindisi aphetshiswa nguMfuneko
noNqoza kulo kodwa abe emi emi uMapheza ekuphandeni.
• UMapheza uye eba ngumqobo usuku nosuku, ibe bulunga xa esenzelwa amayelenqe
okuba adliswe nguNqoza kodwa ixhala lokuba angaphila libenza bawuzame lo mqobo
unguye ngokumkhupha esibhedlele ukuba asiwe
kuvutha kaSphongo okweli qumrhu likaThantsawa. Liphelelwe nelo icebo kuba
uvutha ubulele unyana kaSphongo.

• Umqobo wokuya kwilifa usekukutshintshwa kweencwadi zelifa ezithi zakutshintshwa


zingatshintsheki ngenxa yempazamo ayenzileyo yena Thantaswa ekusayineni.
• Ilifa liwela kunyana kaMsindisi, uPhumlani, kube sekuvela omnye umqobo
wokugxothwa kukaMfuneko noNqoza emsebenzini abe uyatyhileka yena kumntu
wonke ukuba nguye obulele uMsindisi abe noMkhokeli emhlalele ngokumvusela
isazela.
• Owokugqibela ngowokuba xa ephelelwe ngamahlathi kangaka kucaca ukuba
makabuthathe ubomi bakhe. [25]
UMBUZO 5
KWINOVELI ETHI’INKAWU IDLIW’ILILA’ UKUNYOLUKA KUYAHLABANA NEENJONGO ZOMTHETHO’ NGQINA OLU LUVO
NGESINCOKO.
Ukunyoluka kukunqwenela into engeyoyakho okanye yomnye umntu kuba unganeliseki
yile unayo. Kumenza lowo unyolukileyo arhumrheke enze okubi ade angaziboni naxa esiya
kweyela. Baninzi abalinganiswa ababonakala benesi sigulo kule noveli. UMfuneko,
Thantaswa, Mdlambila, Siphongo bachaphazelekile baze abanye bangamaxhoba olu
nyoluko.

UThantaswa
• Unyolukela ubomi obumnandi akuphuma esikolweni abufumane ngokuthandana
noMsindisi kodwa kunjalo amxokise ngomntwana uba asingowakhe kuba
selenyolukele ukutshatela kwesi sinhanha somfo.
• Akaneli ngumtshato uwodwa, ufuna amashishini kaMsindisi athi yena.Wenza iyelenqe
lokugebenga uMsindisi ekunye noMfuneko ukuze afumane imali kunye namashishini
akhe.
• Xa sele efile uMsindisi ufuna omnye umtshato kunye noMfuno ade abe kwibakala
lokuba babe nale mali kuba efuna uncedo kuye.
• Ugqibela engena kwimigibe ngemigibe ooMdlambila, ooNyangelethu kodwa
akufumanisa ukuba imali le yona akazukuyiva uthatha ubomi bakhe nobukaMfuneko.
Yitya sendityile!..

UMfuneko
• UMfuneko ulahla uThantaswa enomntwana naye kodwa akutshatwa nguMsindisi
umkhangela naphantsi kwebhedi. Uxolele nokuba ngumakhwapheni wakhe.
• Akumfumana uThantaswa naye ufuna amashishini kaMsindisi anokuwafumana xa
enokufa. Kuye yibhonasi le aza kuyifumana. Sesi sizathu kanye esibenza babe
ngamaphuthi ahlathinye noThantaswa.
• Ukunganeli kukaMfuneko sekungumkhwa kona kuba kuyanwenwa nje kule imeko
kaThantaswa. uThantaswa usebenzisa into esele inkone kakade ziziva namatshanda
okunyoluka. Sele kusisakhono kuye ukunyoluka oku. Nguye okhupha imipu yesipolisa
anike ababulali baye kungcolisa izandla zabo nangolwakhe uncedo. Uyaziwa ngoku
kunyoluka kuba ulipolisa elithengwayo ngabenzi bemikhuba ukusukela kulo uhamba
nokufa komyeni kaNompumelelo. Oku ukwenza kuba weya umrholo wasesipoliseni.
• Nakule ndibaniselwano noThantaswa nguye oza nooSixaki kuba naye ufuna inzuzo..

• Bayamgwinta uMsindisi kwihlathi laseBika. Siva xa bebikelana ngoku kufa


kukaMsindisi ukuba bakunye kulo mkhonyovu.
• Xa ezibona ukuba akaliphandanga ityala kwaye ke kumfiliba ukuba angaliphanda
uzama amacebo okuba afe uMfezeko owalathelwe ukuphanda ngokumzingela
ngexhwele uNyangelethu elixhobe ngetyhefu de aphumele ekubeni uSiphongo
makamtshise ngoVutha ukuze azuze imali yakhe noThantaswa.
• Umbekela izabatha uMfezeko ukuze angaphumeleli kolu phando ade abe utyhefa
nengqondo kaNqoza ukuze lungabi naziphumo zihle uphando kodwa kunjalo
angaphumeleli asinde uMfezeko.
• UMfuneko noThantaswa bayagcadiya kuba kutshe umkhukhu abazi ukuba usaphila
uMfezeko abamfuna phantsi kwegada.

UMdlambila
• Ngenxa yokunyolukela imali enganeli yileyo ayifumanayo empela nyanga emsebenzini
ubikela uThantaswa ukuba akabhalwanga kwincwadi yamafa abe sele esithi unecebo
elihlawulelwayo kwangale mali noMfuneko ayisebenzelayo. Ngoku le mali inezixhiphoti
zamadoda eziyifunayo.
• Xa bezama ukutshintsha ilifa uThantaswa wenza impazamo, kuphixane umhla
wokusayinwa kwencwadi yamafa. Kuqale enye ingxaki.

USphongo
• Naye ungene waphelela kwesi sabatha kuba uMfuneko enamandla nje uwathatha kumandla
acinga ukuba akho kaSphongo.
• Uthi ngokunyolukela kwale mali inye azithele etshisa ityotyombe engasebenzisi nomthi
abexoka ngawo de atshise unyana wakhe buqu.

Bonke barhintyelwa yile ndlu yesigcawu kuba bonke benesifo sokunyoluka.

UMBUZO 6
UMZINGISI AKANASHWA.NGQINA LO MXHOLO NGEZIGANEKO EZINGQONGE UMFEZEKO KULE
NOVELI.
Ngamanye amazwi isaci sithetha ukuba ukungancami okanye ukunganikezeli
kwiimeko ezinzima kuba nomvuzo. UMfezeko, lipolisa elizinikezele ekulweni ubugewu
ngeli xesha ugxa wakhe uMfuneko antywile nzulu kumkhuba wobugewu. Unikwa
umsebenzi wokuphanda ababulali bakaMsindisi ngexesha kanye uMfuneko alilaleleyo
eli tyala ukuze azuze ngalo. Ngoko nangoko kuyacaca ukuba umqobo wokuqala uza
kuba nguMfuneko lo.
UMapheza-uMfezeko igama ulithatha eli tyala uMfuneko elilalele kuba efuna
ukugquka umkhondo kakade. Engekathathi nonyawo uMapheza ukusuka kwindawo
yexhwayelo, uMfuneko sele exelela uThantaswa ukuba amapolisa asendleleni eza kuye.
• UMfuneko uyatsho ngowakhe umlomo ukuba akuzi kuba lula kuye ukuba amsele
inyongo uMfezeko kuba abakhelani mililo kakade. Kodwa amvuyise uThantaswa ngokuthi
angaxhali kuba akazi kuhamba lula uMfezeko ekho yena Mfuneko. Ngoko nangoko
uThantaswa umthembisa ngento 'eya kumenza ancume yedwa xa efike ebhankini'
uMfuneko xa enokumbambela iibreki kuMapheza. Bayavumelana ukuba into eya kwenza
liphele eli tyala kukuba uMapheza afe ukuze yena Mfuneko azigqatsele ukuliphanda lize
liphelele emoyeni ityala.
• Balikhupha litsole kwincoko yabo ukuba makafe kuba kakade inkawu idliw'ilila
ngaba soze bonwabe. Kwangoko uMfuneko uhlalela ukumana esazisa uThantaswa
ngenyathelo ngalinye likaMfezeko.
• UMapheza noBhadula nesipolisa xa kuxoxwa kuvezwa iimbono ngeli tyala,
uMfuneko uvala ngelithi kuxhaphakile ukuba umfazi abekwe ityala efuna ukubatyhafisa.
abangathunywanga
De agquke umkhondo ngelithi ababulali ngabantu mntu
uMsindisi
abazizikrelemnqa ngendalo kunjalonje axoxe ngelithi ubulawe kuba ebesala
nemoto mhlawumbi. Uyaqina uMapheza ngelithi ukuba bebefuna izinto zikaMsindisi
bayidlakaze kangaka imoto injongo ibikukubulala qwaba.
bebengekhe

UMfuneko ude amlumkise uMapheza ukuba kufuneka achule ukunyathela ngenxa yohlobo
lwetyala aliphandayo. Uyazifungela uMapheza de athi 'umqol'uphandle kwezo zikrelemnqa
kwaye ukuba zisahamba phakathi kwabantu azilibonanga eliwinayo'. UMapheza ethetha
noNjinga nje uMfuneko ukrobe ngefestile.
UMfuneko umembela imisele uMfezeko ngokuxokisa amanye amapolisa ngelithi uza
kumpimpa kwapolisa kwaye wamtyabeka ngokuthi ungungcothoza oyimpimpi
ekungalunganga ukusebenza naye esikhululweni. Uxoka ngaye uMapheza kuNqoza, athi
wantama uSajini Zalala owagxothwayo ukuze aphelelwe ngumsebenzi, phofu ngemipu
eyayiyawabiwe nguye lo -Mfuneko.
Ude amthiye ukuba ulirhamba lesiziba. Ude uthenga amapolisa ukuba ahambele kude naye.
UNqoza uyayithenga le mbono ade abibitheke ngumsindo ukuqinisekisa ukuba intsebenziswano
kuphando lweli tyala ayiyikubuya ibe kho. UMfuneko ubethelela izikhonkwane ngokuthi makaliwe
uMfezeko. UNqoza ucelwa kanye kwesi sithuba ukuba ancedise uMapheza kuphando lweli tyala.
UNqoza uzimisele ukuba uMapheza akayi kufumana mixhaka ngenxa yakhe tu kunjalonje uthi
efuna ukungangeni kweli tyala aboniswe nguMfuneko ukuba uya kuphosa injongo yakhe
ngoMapheza ukuba akalithathi.
Akuvuma uNqoza uyalelwa ukuba adlulise konke okufunyenwe nguMfezeko eluphandweni
kuMfuneko lilonke abe nguKhala wakhe ade azincome ukuba umdlise umgquba wehagu
ngoMapheza. UNqoza akancedisi sele kumele ukuba abuze imibuzo kuThantaswa mhla baseVulli
valley.
UMapheza uneempawu azibonayo ezifana nokungcangcazela kwezandla, ukugushugushuza,
ukubila. Akafuni uNqoza ukuba benze ustop and search ekrokra uMapheza.
UNqoza uyigalela amanzi into yokungahambelani kwentetho kayise kaMsindisi nekaThantaswa
ebonwa nguMapheza kodwa ayiqaphele loo nto uMapheza. Umile uMapheza ekuthini lo mfazi
unolwazi ngokufa kukaMsindisi kodwa umkhondo uman'ukulahlwa nguNqoza lo kodwa yena
ngezakhe iinjongo.
UNqoza umana ukuxelela uMfuneko ngeziphumo zophando ayalwe ukuba angayivumi eyokuba
uThantaswa wayamene nokufa komyeni wakhe.
UThantaswa uyabuza ukuba kanti ufa nini lo Mapheza unezothe? Ivela ngoko nangoko ingcinga
yokuba uza kumyela kwixhwele lakhe uSiphongo afune umalingatshoni. UThantaswa umfuna
ngembumbulu phakathi kwamehlo kuphele into ebithethwa.
UMfezeko uphupha esesibhedlele enxibe iimpahla zezigulana uHlengiwe elila ecaleni kwakhe kanti
kuloko uMfuneko eza kumgalelela lo malingatshoni kwisiselo sakhe ethumela uNqoza.
Esesibhedlele njalo ooSixaki bangena kwakhe bayogoqulula befuna nantoni na enokuphazamisa olu
phando baphuma bephaca.
Akuphuma eICU baqulunqa ukumfaka phantsi kwengubo kaqaqaqa.
Xa ethi 'ukufa ukwahlule' uNqoza akapheli mandla uze kumlobela ukuba amse exhweleni eliza
kumtshisa ngoVutha. Xa efika exhweleni kanti beviwe nguNontsikelelo ongumkhwetha kaSiphongo
ukuba bafuna ukumbulala.
Usindiswa nguNontsikelelo apho athi akuphila azimisele ukuphanda eyedwa ngaphandle koNqoza.
Uba namanakani wokuba uMfuneko unesandla kuzo zonke iimeko angene kuzo. UNontsikelelo
uyavuzwa nguMapheza ngomsebenzi wakhe omhle.
Akubuyela emsebenzini uMapheza, uNqoza noMfuneko banqunyanyiswa emsebenzini.
UMapheza uliphanda ityala lokufa kukaMsindisi ade abafumane ababulali ngokubaxelelwa
nguBhanqo ngoMbu emva kokubathembisa nangamabhaso ancumisayo.
USixaki uyaloqa avele onke amanyundululu bade bagwetywe. Bayaguqulana ooZalala noNqoza ngokuba
uMapheza akenzanga nto nguMfuneko.
UThantaswa uzidubula kunye noMfuneko aphume etshaya uMapheza ebubini. Oku kuphumelela
kwakhe kungqina ukuba ngokwenene umzingisi akanashwa kuba naku uMapheza ephumelela
noxa bekuqale kwangathi akuzukulunga.

You might also like

pFad - Phonifier reborn

Pfad - The Proxy pFad of © 2024 Garber Painting. All rights reserved.

Note: This service is not intended for secure transactions such as banking, social media, email, or purchasing. Use at your own risk. We assume no liability whatsoever for broken pages.


Alternative Proxies:

Alternative Proxy

pFad Proxy

pFad v3 Proxy

pFad v4 Proxy