IsiXhosa HL Grade 11 Imibongo Resource Book

Download as pdf or txt
Download as pdf or txt
You are on page 1of 24

Directorate: Curriculum FET

ISIXHOSA
INCWADANA YOKUZIQHELANISA

2021 IKOTA 1

Ibanga 11 HL

Le ncwadana ilungiselelwe ukuba ikuncedise ekuqondeni umxholo


womsebenzi nezakhono kuncwadi kule kota yesi- 2. Injongo
kukulungiselela ukuba uqonde isigama kwaye ufumane nethuba
lokuziqonda nokulungiselela iimviwo zakho zokuphela konyaka.
Le ncwadana mfundi iqulethe oku kulandelayo:
• Amanqakwana ngemiba ethile yokuhlalutya loncwadi
• Isihobe
• INoveli kunye neDrama ezimiselweyo
• Imizekelo yemibuzo
2

IINJONGO:
• Ukuxhobisana ngemixholo yeetekisi zoncwadi olutsha olufundwayo noluza kuhlolwa.
• Ukuqulunqa izixhobo ezongezelelweyo zokuxhasa ukufundiswa koncwadi olutsha.
• Ukwabelana ngezinto ezincomekayo nezisemgangathweni ezenziwayo
ngamaphondo ezinokuncedisa.

UKUFUNDISWA KONCWADI

YINTONI UNCWADI
• Ngumsebenzi obhalwe ngobalaselo kwiimbono, kwiimvakalelo, ukomeleza
nokuphawulwa ngababhali
• Uninzi loncwadi luvela kolu luhlu lulandelayo:
➢ Isihobe
➢ Idrama
➢ Inoveli
➢ Amabali amafutshane
➢ Kunye noncwadi lwemveli

INKQUBO ELANDELWAYO YOKUFUNDA NOKUFUNDISA ISIHOBE NGOKWECAPS


1. INKQUBO YAPHAMBI KOKUFUNDA:
• Bonisa umphandle wencwadi bajonge ulwazi olufumanekayo, umz: iqweqwe
lencwadi, isihloko sencwadi, umbhali,
• Bonisa umphakathi wencwadi kujongwe imbali yombhali kunye nonyaka
eshicilelwe ngawo incwadi
• Ukujongana naso nasiphi na isigama esingundoqo esinokuba
sesingaqhelekanga kubafundi.

2. INKQUBO YANGELI XESHA UFUNDAYO


• Bajonga ze bachonge isigama esingaqhelekanga nemifanekiso, baze
banxulumanise netekisi.
• Ukubandakanyeka ekukhangeleni intsingiselo yetekisi
• Bayahlalutya

3. INKQUBO YASEMVA KOKUFUNDA


• Kuphendulwa imibuzo emalunga netekisi ukususela kwimibuzo elula ukuya
kwenzima
• Ukuhlalutya umbongo: ukuthelekisa nokuchasanisa, ukucazulula/ ukuphicotha,
ukuphonononga, ukwenza isigqibo, ukudandalazisa uluvo lwakho.

4. ISIHOBE
Phantsi kwesihobe kukho izibongo kunye nemibongo
4.1 IZIBONGO
▪ Ludidi oluqanjwa yimbongi enesiphiwo sokubonga iqamba
nangantoni ethe yachukumisa umxhelo wayo. Umzekelo Imbongi
yomthonyama

2
3

▪ Indlela yokuqala: imbongi idla ngokucela inzolo / ukumanyelwa.


Umzekelo: Hooooyina!
▪ Iba nowalakahla lwamagama angaqhelekanga, into edala loo nto
kungokuba imbongi isisisele senyathi solwimi.
▪ Imbongi iba nendlela ethile yokuvala umbongo wayo ngokuxelela
abaphulaphuli ukuba igqibile nanjengoko ibicele inzolo. Umzekelo:
Ncincililiii!
▪ Olu hlobo lombongo luzisebenzisa kakhulu izithethantonye, izikweko
nezifaniso ukuphuhlisa ubuvimba bolwimi.
▪ Isingqisho lolunye lophawu oluxhaphake kakhulu.

4.2 IMIBONGO:
▪ Yimihobe engabantu okanye zonke izinto ezimntwisiweyo
neziganeko ezithile.

5. IINDIDI ZEMIBONGO:
5.1 Umbongo mbaliso
• Lo mbongo ubalisa ngesiganeko esakha senzeka okanye ubomi bomntu,
siganeko eso esenzeka kudala sisenzeka ngesizathu esithile.
• Nangona lo ingumbongo-mbaliso kufuneka ubhalwe ngohlobo lwesihobe
ubonakalise ubuqhawe, isihlekiso, uchukumiseko, ummangaliso othile okanye
impixano nokushukuxana okuthi kudale unxunguphalo okanye usizi, nalo
naluphi na uvakalelo.

5.2 Isimbambazelo/ I-eleji/ Umbongo sikhuzo


• Olu didi luthuthuzela abantu ababhujelweyo/ lukhaphe ababhubhileyo.
• Nangona luthuthuzela nje lunokusebenzisa nasiphi na isimbo sokubonga.
• Ngumbongo ongomntu obhubhileyo, odumileyo ngemisebenzi emihle.
• Ngumbongo onokubonisa ilahleko kwisizwe, kwimbongi ngokufa kwakhe loo
mntu.
• Imbongi iza kwenza isimbonono sesikhalo esidizwa sisigama esisebenzisileyo.

5.3 Isonethi
• Lo ngumbongo ochukumisayo ngeemeko zomxhelo. Ingumjelo wokuvakalisa
uvakalelo lwembongi ngombandela othile ngeyona ndlela imfutshane.
• Unemiqolo elishumi elinesine.
Iindidi zeesonethi

5.3.1 Isonethi yamaNgesi/ ekaShakespear


• Ineekwatreni ezintathu
• Nekhaphlethi enemvano-siphelo efanayo (engasoloko ikho esiXhoseni)

QAPHELA: ikwatreni zingasebenza ngenye kwezi ntlobo:


– Zinokuthi kanti zinika imizekelo emithathu yomcamango othile
– Zinokuthi kanti zinika iziganeko ezithathu zoluvo oluthile

3
4

– Zinokuthi kanti zibonisa iimbono ezintathu ngento enye.


– Isingqi sayo singu abab cdcd efef gg

5.3.2 Eyesitaliyane/ ekaPertrarch


• Yenziwa yi Okthevu kunye nesestethi (kwatreni nekhaphlethi)
• Isibhozo sokuqala semiqolo sibizwa ngokuba yi-okthevu eyandlala udaba
oluthile/ ingxaki ethile
• I okhthevu inale mvano siphelo: abbaabb
• Isithandathu semiqolo sibizwa ngokuba yisestethi ephuhlisa umcamango
othile, isiza nesisombululo.
• Isestethi inale mvano siphelo: cdecde
• Isestethi iyohlulwa, isine sokuqala sibizwa ngokuba yikhwatreyin, isibini
sokugqibela sibizwe ngokuba yikhaplethi

5.4 Umbongo nkcazo


• Ngumbongo apho imbongi ichaza ngomba othile nokuba zizilwanyana, indalo,
amaxesha onyaka njalo njalo.
• Olu didi lombongo lucacisa umxhelo wembongi ngemeko ethile okanye ngento
ethile. Umzekelo: Inyibiba, Umlambo njalo njalo

5.5 Indumasiso
• Ngumbongo omde kakhulu obalisayo, oqulathe iqela leziganeko, udelo ngozi
namanzithinzithi anxulumene negorha elingundoqo wembali leyo.
Iimpawu zendumasiso:
– Kukho intlekele okanye ishwangusha eligqubayo eliya kuba ngunozala
okanye isohlwayo sokungathotyelwa kwesithethe/ isiko

5.6 Ibhaladi
• Ngumbongo mbaliso odla ngokuthetha ngeziganeko ezithile ezibalulekileyo.
• Mandulo lo mhobe wawuyingoma yokuxhentsa, ekuhambeni kwamaxesha
waba ngumhobe obalisayo.
Iimpawu zebhaladi:
• Ibali lidla ngokuqala ngezothando okanye ngobugorha ukuze liphele
ngentlekele.
• Kukho imvakalelo yengoma nethi yenze uvakalelo lomoya ngamandla

5.7 Iirikhi/ Umhobe bungoma


• Lo ngumbongo omfutshane odla ngokubhalwa ngokweembono zomntu
wokuqala.
• Uphuhlisa imvakalelo okanye umbono okanye ucacisa isehlo
• Azibalisi bali kwaye zinengoma / kuvakala ubumnandi bengoma

5.8 Umbongo oncomayo


• Apha kulo mbongo kunconywa into ethile okanye umntu othile.
• Olu hlobo lwahlukile kwizibongo kuba lona alwenziwa sidlangalaleni,
lunokubhalwa phantsi kuphela, kwaye lulandela isimbo sesihobe sanamhla

4
5

5.9 Umbongo ntlekisa / isathaya


• Kolu hlobo lombongo imbongi isebenzisa uhlekiso njengesixhobo sokugxeka
okanye ukuhlasela isiphene esithile kumntu othile okanye iqela labantu.
• Injongo yalo mbongo kukukhuthaza olo didi lwabantu kuhlekiswa ngalo ukuba
lulungise eso siphene kuhlekiswa ngaso

5.10 Umbongo Ntyilazwi


• Le mibongo iphathelele kwizinto zenkolo neyaluphi na uhlobo.
• Inokuba bubuKrestu okanye izinto ezinxulumene namasiko nezithethe, izinyanya
njalo njalo

5.11 Izibongo zikhalazo/zopolitiko/zonkwintsho


• Kulapho imbongi ivelisa ilizwi lokhalazo malunga nomba othile.
• Inokukhalazela umbuso ophetheyo, isimo esithile kubantu abathile, ukulahlwa
kwamasiko nezithethe okanye ukutshintsha kwenkcubeko

UKUFUNDISWA KWESIHOBE NGOKWECAPS


• Sifundisa itekisi ukuxhasa, ukucacisa, ukutyhila oko umbhali akuthetha kuthi.
• Sijonga ukusetyenziswa kolwimi, ukwakhiwa kwemiqolo, iivesi nemibongo,
ukukhethwa kwemifanekiso, isingqisho, isandi semvakalelo esivuselelwa yimifanekiso
ngqondweni.
• Intsingiselo engundoqo / yentsusa
• Intsingiselo efihlakeleyo
• Imo, umongo/ ingxam nemfundiso. Imifanekiso-ngqondweni
• Isakhiwo sangaphakathi sombongo: uhlalutyo lombongo umz: ukhetho – magama,
izixhobo zesandi, ithoni, iimpendulo ezichukumisayo nezafobe

Imizekelo yezixhobo zohlalutyo:


Isifaniso: sisafobe apho kuthi kufaniswe izinto ezahlukeneyo. Isifaniso sihamba
nezi zakhi njenga- ngokwa -nqwa na- oku kwa-, fana, xela ngathi. Umzekelo:
Ulukhuni okomthi womthathi uLindiwe. Injongo kukufanisa into nenye
ngenkangeleko nangezimbo.
Isikweko: xa kusetyenziswa isikweko le nto ifaniswayo ibizwa ngegama lale
ifaniswa nayo. Umzekelo: UNomsa yingcuka eyambethe ufele lwegusha
ebantwini. Sithandwa kakhulu ziimbongi kuba sizithathisa indlela emfutshane
kuba endaweni yokuyichaza into ibizwa ngqo ngale nto ifaniswa nayo.
Isimntwiso: sisafobe esithi sifanise izinto ezengengobantu nabantu. Ezi zinto
zenziwa zibe nezimbo zobuntu ezenjengokuba izilwanyana zithethe zakhe imizi
njalo njalo umz: Ndinqwenela ukuba nguwe ntaba ndini, Lavela lincumile elaloo
mini ilanga. Injongo yesimntwiso kukunika isidima somntu kuloo nto kuthethwa
ngayo
Isihlonipho: Yintetho emnandi esetyenziselwa ukuquma isenzo esibi, esilinyala
okanye esilihlazo emehlweni abantu. Ikwayintetho egwegwelezayo ukubiza into
elihlazo ibekwe ngendlela equmayo. Sisetyenziswa ngenjongo yokuyivakalisa
kamnandi, siphuhlisa intlonipho/ isidima/ impoxo. Injongo iba kukukuphoxisa.

5
6

Wumbi umbalisi injongo yakhe sukuba ikukuquma ihlazo okanye engafuni


kuyibiza njengoko njalo into
Umzekelo: Yayiqhuba amatakane ingazazi nokuba iphi
Omnye umzekelo: Ngoko masizililele
Yena lowo simvuyelele
Kuba yena ugodukile
Isichasaniso/uchasaniso: Apha kusetyenziswa amagama achaseneyo
ukucacisa imeko ethile injongo ikukugxininisa/ kukuqaqambisa intsingiselo
Umzekelo baphuma bengena,
Emini usisiquququ, ebusuku unguntsonganyawana
Isibaxo/ ubabazo/ ugqithiso kulapho kusetyenziswa ubaxo ukugxininisa imeko
ethile. Yintetho ebaxiweyo/ egabadeleyo. Umzekelo: Amahwantsi eqabaka
anengqele exhelayo yobusika. siyahlekisa ngento okanye siyaphoxisa,
siyagxininisa sibethelela uluvo oluthile
Isifanadumo: kusetyenziswa isandi ukuchaza into umzekelo: ukuvuthuza
komoya
Umbuzo buciko: Ngumbuzo ezibuza wona imbongi ingafuni mpendulo ngawo.
Umzekelo: Luphi na ubabalo emhlabeni apha?
Sisetyenziswa ngenjongo yokubethelela uluvo oluthile / yokuwexula
abaphulaphuli babe kule nto akuyo umbhali. Usenokusetyenziswa
ukubonakalisa impixano ingakumbi impixano yangaphakathi.
Wakuyimamelisisa le mibuzo ufumanisa ukuba ineenjongo zokukuba ukuba ube
ngakwicala lesithethi ngokweengcinga
Uvumephika: xa kusetyenziswa isilanduli sesichazi. Umzekelo: USipho
akamhlanga, Oku kutya akumnandanga.
Isinxulumanisi: Xa kusingiselwe entweni ngokuyibiza ngegama lento
enxulumene nayo. Injongo kukuqaqambisa olo phawu lwaloo nto / loo mntu
Umzekelo: Isandla sakhe sihle, Ufunda yiphi incwadi
Uphindaphindo (Uphindaphindo luyagxininisa luphinde ludale isingqisho)
➢ Iindidi zophindaphindo:
• Uphindaphindo lwegama (imvano siqalo)
Umzekelo:
YIncwadana encinane ephethe igama
Yincwadana edelekileyo ephetha Idilesi
• Uphindaphindo lwegama (imvano siphelo)
Umz: Waswela umntu walamba umntu
Wabhaca umntu watshipha umntu
• Uphindaphindo lwebinzana. Umz:
Inkcubeko int’emany’isizwe
Inkcubeko int’emany’uluntu
• Uphindaphindo lwesifanokuthi
Umz: Ubambiswano lulungile
Intsebenziswano ibalulekile
• Uphindaphindo lwezandi (imfanozandi)
Umz: Bendiba ngumntu kambe
• Kanti ndihamba nerhamba elisirhunu lirhubuluza ngoburhalarhume
6
7

• Uxwesiso. Umz
Vulan’amasango singene
Singene siphelele kwilizwe lethu
Izifanekiso zwi. (ziyacacisa, zinika imifanekiso ngqondweni)
Umz: Yinto emlomo uthe nkebe okukakrebe
Izikhuzo (zibonisa imo neenjongo zembongi)
Umz: Yini! Na mzi kaNtu! Shu! kwakhe kwanje phi na!
Impinda (Isetyenziswa xa kuvulwa okanye kuvalwa isitanza ngeenjongo
zokubethelela ingcamango ethile)
Umz Andisenakubuza ndisithi kunjani na
Ukukhanywa yintambo yedyokwe emqaleni
kuba ndikubonila ukwenziwa komkhonzi
kwinkatyana yedyokwe
………………………………………………….
Yabigudile intle, izalelw’inkululo
Ingaceli nto mntwini izingca ngobunkomo
Uthe umntu mayibanjwe iqeqeshwe ithambe
Ezilungiselela ngokunga uyasiza
Kuba ndikubonile ukwenziwa komkhonzi
Kwinkatyana yedyokwe

• Isakhiwo sangaphandle sombongo: imiqolo, amagama, izitanza, isingqisho,


uthungelwano, isingqi, ukusetyenziswa kweempawu zokubhala, ukuphindwa
komqolo emva kwezitanza/imiqolo/, uphindaphindo.
(Umbongo wakhiwa ngezitanza. Singasinye/ zingazibini njalo njalo kuxhomekeke
nakuhlobo lombongo
Xa sithetha ngesakhiwo sesitanza siqwalasela:
o Inani lemiqolo esakhiwe ngayo isitanza
o Inani lamagama kumqolo ngamnye wesitanza
o Ukulingana okanye ukwahluka kwenani lemiqolo kwisitanza)

IMIHOBE YESIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA IBANGA LE-11


IVAMNA BAFAZI BOLUSU: S. MAPUTI NABANYE
Nantsi imibongo efundwayo:
No Umbongo Igama lombhali
1. Intyatyambo M.G Mdliva
2 Unkosi uJongumsobomvu Maqoma P.M Qangule
3 Iqul elingatshiyo M.G Mdliva
4 uNongqawuse P.M Qangule
5 Ugodukile uNjingalwazi ZS Qangule P.M Qangule
6 Ubuyile uMakhanda P.M Qangule
7 Ookhokho bethu P.M Qangule
8 Umona M.G Mdliva
9 Ugodukil’ uNtsikana M.G Mdliva
10 Iselula M.G Mdliva

7
8

1. UNONGQAWUSE: P. M QANGULE

1.1 UDIDI LOMBONGO:


➢ Indumasiso kuba ubalisa ngesiganeko esibuhlungu esehlela isizwe. Esi sihelegu
sisihelegu esibuhlungu sokuba amaXhosa atshabalalisa imfuyo nezityalo zawo kuba
ethenjiswa ngentlutha ezayo engazange ifike. Le meko yabangela ukuba imidaka
ikhutshwe yindlala iye kusebenza kwiifama nemigodi yabamhlophe.

AMAGQABANTSHINTSHI NGONONGQAWUSE
➢ UNongqawuse yintombi kaMhlakaza yasemaNgqosinini. Lo myalelo yawufumana
eGxarha emlanjeni.
➢ Kukholeleka ukuba wayehamba nenye intombazana uNambida owayengumtshana
kaMhlakaza ukuya emasimini ngasemlanjeni eGxarha
➢ Kulapha badibana khona namadoda amabini azibiza ngamagama abantu
abangasekhoyo abanika ke loo myalezo wokuba bonke ababhubhileyo bazakuvuka
ekufeni kodwa makutshatyalaliswe yonke imfuyo nezityalo bathenjiswa ngentlutha
ezayo

1.2 INTSINGISELO
Isigama Intsingiselo eqhelekileyo Intsingiselo efihlakeleyo
Iphango Indlala Ukuthi nca kwesisu kumntu olambileyo
Amampunge Into engekhoyo Indaba ezaziziswe nguNongqawuse
zazingeyonyani.
Ihotyazana Intaka UNongqawuse owaxelela abantu izinto
ezabulala isizwe
Imboni Ngumntu onesiphiwo UNongqawuse wayalela isizwe sakwaXhosa
sokuboniswa izinto ukuba masibhubhise imfuyo nesivuno emva
ezehlayo nezo ziza koko kuya kubakho intlutha kwakhona.
kwenzeka zingekenzeki
Ukubhangisa ukuphelisa Ukutshabalalisa iimveliso zakwaNtu
Indyebo Intlutha intlutha
Umqolomba Indawo esemaweni Umzi kaNtu wayindawo yezihange
Wajacuzela Intlupheko Umzi kaNtu wangumpha ochutywe walahlwa,
ikati ilele eziko

1.3 ITHINI IMBONGI KWISITANZA NGASINYE


ISITANZA UMONGO/INGCAMANGO EPHAMBILI YESITANZA
Isitanza 1 Imbongi isichazela ngentlutha eyayikhona kungekho mntu ulambayo abantu
Kwimiqolo bezidla ngobuntu babo zingekalahlekiswa ingqondo zabo, abantu
1 -10 bengekabiwa bubuhlanga.
Isitanza 2 Mhla kwafika uNongqawuse kwaqala ukugquba indlala abantu balamba.
11 -20 Abantu bamfamekisana/ balahlekisana ngenxa yamampunge ento
engasokuze yenzeke. Balahlekiswa yintwazana encinane eyayizenza mboni
Isitanza 3 Imbongi isichazela ngezinto ezavela zenzeka ngesaquphe isithi
makubhangiswa imveliso kupheliswe umbona namazimba
21- 30 Iveza iyelenqe lokuba abantu balambe bangakwazi ukumelana nemfazwe.
Isitanza 4 Imbongi isichazela okokuba zalahlekiswa iingqondo zabantu. Bambi abanye
31 -40 babengakholelwa lolu dabi
Isitanza 5 Abantu batolikelwa into engabonwayo ngeliso lenyama. Kwalusizi
41 – 52 yatshatyalaliswa imfuyo yabantu yabhanga/yaphela indyebo.

8
9

Isitanza 6 Baphela ubutyebi yagquba indlala bashiyeka abantu bebambe ongezantsi


bejonge esibhakabhakeni. Suka lona ilanga latshona njengesiqhelo latshona
53 – 61 akwabikho mntu uvukayo basala betyiwa yindlala.
Isitanza 7 Yajika inyaniso ngenxa yephango kwaqala kwavela imithetho ngemithetho.
Kwasala kubuhlungu kumzi kaNtu. Abhanga amathango emfuyo walambatha
62 -71 umzi kaXhosa kwashiyeka kuzizijwili.

1.4 ISAKHIWO SANGAPHAKATHI


➢ Isimntwiso esifumaneka kumqolo woku-1 siphuhlisa ukuba phambi kwesi siganeko
kwakulawula ubuhle nenyaniso elizweni. Imvano siqalo kumqolo woku-1-nowesi-3 iphuhlisa
ukuba elizweni yayingekho indawo yobumenemene koko kwakulawula ubuhle nobunyulu.
Imfanozandi ekumqolo wesi-3 ityhila ukuba kwakukho ubungcwele kunye nomanyano.
➢ Kumqolo we-6 imfano zandi ityhila imeko ekwakuyiyo phambi kokuba abalawuli babe
nobuhlanga. Isimntwiso kumqolo we-7 siphuhlisa ukuba indalo yayonwabile ivuya.
➢ ‘Latshon’emini’ sisaci esiphuhlisa ukuphelelwa ngamacebo
➢ Isifanekiso zwi ‘lwale’ esisetyenziswe emva kwesenzi uthi sicacisa ukuba amaXhosa
ashiyeka esengxakini emva kokulandela umyalelo kaNongqawuse.
➢ Imfanozandi kumqolo we-15 ityhila ukuba lo myalelo kaNongqawuse wasishiya isizwe
samaXhosa sibhidekile.
➢ Imvano siqalo kumqolo we-16-17 ichaza umntu owafaka amaXhosa kule ngxaki. Esi sigidimi
yayinguNongqawuse.
➢ Kumqolo wama-21-36 imbongi isichazela ngomyalelo kaNongqawuse kwisizwe samaXhosa
owawusithi makubhangiswe sonke isivuno: umbona namazimba. Emva koko ilanga liya
kuvela empumalanga liphume libomvu esibhakabhakeni. Lize liphinde litshone emini. Emva
koko kubekho ubumnyama obukhulu. Kuya kubakho ummangaliso kuba abantu
ababhubhileyo baya kuvuka. Emva koko liphinde liphume ilanga ze kube yindyebo
kwakhona. Olu daba zalwamkela iinkosi kwaGcaleka, zakaTato, zakwaNgqika nangona
wawungaqin’umnqwazi. Esi saci sibonisa ukungakholelwa yile ngcaciso eyayivela kule
ntombazana. Isifaniso kumqolo wama-42 sibonisa ukuba zanwenwa ngokukhawuleza ezi
ndaba zikaNongqawuse.
➢ Imfano zandi kumqolo wama-43 ityhila ukuba olu daba lwachazwa kuzo zonke izizwe
zamaXhosa. Imvano siqalo kumqolo wama-49-50 ityhila ukuba abanye abantu babuya
bebhidekile sesi senzo sikaNongqawuse owayetolika intetho yabantu abangabonwayo
ngamehlo, kodwa bafana bazixolisa becinga ukuba lubizo lwakhe olo.
➢ Kumqolo wama-53-55 imvano siqalo iphuhlisa okwathi kwenziwa sisizwe sakwaXhosa
silandela umyalelo kaNongqawuse; kutshiswa amadlelo nobuhlanti, kuxhelwa imfuyo.
Isifanekiso zwi kumqolo wama 57 ‘nkebe’ sicacisa ukumangaliseka.
➢ Kumqolo wama-59-60 imvano siqalo nophindaphindo lubonisa ukuba oko wayethe
uNongqawuse kuza kwenzeka akuzange kwenzeke.
➢ Imfano zandi kumqolo wama-62 uphuhlisa ukuba emva kwesi sihelegu iinkosi zomthonyama
kwanyanzeleka ukuba zisebenzele abelungu.
➢ Kumqolo wama-66-67 imfano zandi iphuhlisa iziphumo zokubhangisa indyebo ngokomyalelo
kaNongqawuse: kwaphel’iinyaniso ngenxa yendlala, kwakho iincwadi zemithetho ukuzama
ukuxhwitha nokukhoboza abantsundu, zaphela iziseko zokulawula zakwaNtu.
➢ Kumqolo wama-69-70 imvano siqalo ibonisa ubukho bentlupheko kumzi kaXhosa
nobukrakra elizweni ngenxa kaNongqawuse. Isikhuzo Yeha! Yeha-a-a-a! sibonisa
ukumangaliseka, isaci ‘yaqin’inqawe’ kumqolo wokugqibela sibonisa ingxaki enkulu isizwe
sakwaXhosa esizibona sikuyo ngenxa kaNongqawuse.

9
10

1.5 UMOYA WEMBONGI


➢ Kulo mbongo imbongi ikhathazekile, idandathekile ayonwabanga ngenxa
yokulahlekelwa kwabantu abamnyama zizinto ebebenazo.
1.6 ISAKHIWO SANGAPHANDLE
➢ Lo mbongo wenziwe zizitanza ezisi-7
➢ Imiqolo yenziwe ngamagama angalinganiyo umzekelo umqolo woku-1 wenziwe
ngamagama ama-3, ukanti umqolo wama-24 wenziwe ngamagama ama-4.
1.7 UMONGO
➢ Kulo mbongo kuthethwa ngoNongqawuse owathi wayalela amaXhosa ukuba
makatshabalalise imfuyo nezilimo emva koko kuya kubakho ubutyebi obuza kubakho xa
kuxhelwe iinkomo zatshatyalaliswa kulahlwe nombon’omdala.
1.8 IMFUNDISO
➢ Masibe neliso elibukhali singavumi ukulahlekiswa ngabantu. Qiqa phambi kokuthatha
nasiphi na isigqibo kuba uya kuthi akwaba kube sekonakele.

2. UGODUKILE UNJINGALWAZI ZITHOBILE SUNSHINE QANGULE: P. QANGULE


2.1 UDIDI LOMBONGO: Yi-eleji/ isimbambazelo/ umbongo sikhuzo,
kuba ungokusweleka kukaNjingalwazi Z.S Qangule
owayehlohla kwiyunivesithi yaseFort Hare ixesha elininzi ebomini bakhe
wayekwangumakhwekhwetha ekubhaleni iincwadi zesiXhosa.

2.2 INTSINGISELO YAMAGAMA


ISIGAMA INTSINGISELO ENGUNDOQO INTSINGISELO
EFIHLAKELEYO
Isingqala Yimvakalelo ebuhlungu abanayo umntu Kukungqukruleka
kuba ekhathazekile kwabantu baseFort Hare
ngenxa yokukhathazeka
Ingxangxasi Ngamanzi ehla entabeni enza isandi Kuyalilwa ngabantu
ngenxa yokubetheka ematyeni ngenxa yokukhathazeka
emaweni
Mijelo Yimihlisela ebonisa ukuba bekuhambe Ukukhathazeka kubhalwe
amanzi kuloo ndawo ebusweni ebantwini
baseQonce
Iingcinga Iingcamango -
USomgxada Yikholeji ese Alice eMpuma Koloni -
ebizwa ngokuba yiFort Hare
Nkumba Isihlonipho esibonisa indlu -
Ingqukruleka Sesa sandi senziwa ngumntu olilayo/ Iyalila imiNgcangathelo
Yindlela alila ngayo umntu oyindoda xa
esiva kubuhlungu
Abendlu Abantu belo khaya
Igongqongqo Isigebenga ukufa
Njingalwazi Ngungqondongqondo ofumane Unjingalwazi uKriel
isidanga esithile ngokwemfundo
Esimantshiyane Isikhalo esingathuthezelekiyo
Isijwili Isikhalo esikrakra
Ubindiwe Uxakiwe
Ukuma Kukuxakwa
nemamatile

10
11

UPahl Ngumbhali wencwadi zesiXhosa


umzekelo incwadi ethi uLwimi
lwesiXhosa
Uyafixiza Yingxolo ephuma ngempumo kumntu Ukhathazekile uyalila
olilayo evale umlomo
Ukugqotsa Ukubaleka kakhulu
Lagragrama Ingxolo eyenziwa yinja xa ifuna Ingxolo eyenziwa lizulu xa
ukuluma umntu naxa ixabana nenye liduduma
inja
Lagqekreza Isithonga esenziwa lizulu xa Ukuwa komthi omkhulu
kududumayo onguZS Qangule
Yangqwatha ukudangala ukumangaliseka
Qungululu uleleleyo uswelekileyo
Uxholovane Amakhwenkwe amadala
angamathemba anamava
Ingqanga Ngumntu onamava nongoyena umkhulu
koloo ndawo
Isizinzo isiseko
Ingqonyela Ngumntu ophetheyo edyunivisithi Umpondozihlanjiwe
onamava oyingcaphephe
kulwimi lwesixhosa
Ucwambu Lolwa bisi lungaphezulu kubisi Yincutshe yolwimi
oluphekiweyo xa selupholile lwesiXhosa
Igqudu Liqhuma eliphaya ekugqibeleni
kwisagweba.
Imilondekhaya Abantu abadala belo khaya
ababhubhayo
Umngcelele Lukrozo lwabantu
Inkonde Lixhego elidala elinamava

2.3 ISAKHIWO SANGAPHAKATHI


➢ Isihlonipho esifumaneka kwisihloko salo mbongo “ugodukile unjingalwazi” sityhila ukuba
uswelekile uZS Qangule.
➢ Imbongi iwuvula umbongo wayo ngesikhahlelo kumqolo – 1 esithi Wa-a-a-a! Nokholeji!
➢ Imibuzo buciko kumqolo we-2-4, iphuhlisa ukulila kwabantu beendawo ngeendawo
abakhathazekileyo ngenxa yokusweleka kukaZ S Qangule bezi ndawo: baseTyhume,
baseQonce nabaseFort Hare
➢ Isaci esikumqolo we-10 bazibambe ngeenkophe siphuhlisa ukuba bayengezelisa
iinyembezi ngenxa yokuchukumiseka. Imbongo ide ikubonise oku kukhathazeka ngokuthi
ikhankanye iinkosi zamaxhosa ezaswelekayo, uSuthu kunye noNgqika abafuna ukulila
nabo.
➢ Kumqolo we-11 kukho isimntwiso esibonisa ukuba abafundi bakwaNokholeji sele
bethuthuzelwa yintaba kaNdoda
➢ Kumqolo we-12 ligongqozile igongqongqo, isibaxo esiphuhlisa ukuba kukho umntu
osutywe kukufa.
➢ Kumqoloo we-17 isimntwiso siphuhlisa ukuba abafundi bakwaNokholeji bakhathazekile
kukusweleka kukaZS Qangule
➢ Kumqolo we-18 isifanokisozwi ufixi sibonisa ukuba uNjingalwazi uPahl owayengumbhali
weencwadi zesiXhosa ukhathazekile uyalila.
➢ Kumqolo wama-23 kusetyenziswe isifanadumo esiphuhlisa ukududuma kwezulu.
11
12

➢ Kumqolo wama-24 kusetyenziwe ugqithiso oluphuhlisa ukusweleka komntu omkhulu


onamava kulwimi lwesiXhosa bashiyeke ababhali abasakhulayo bemangalisekile,
bedanile.
➢ Kumqolo wama-25 umbuzo buciko nesifanekiso zwi ezityhila ukusweleka kukaZS
Qangule.
➢ Kumqolo wama-26 isebenzise isikhuzo u ‘Tyhini!’ esiphuhlisa ukothuka ngenxa
yokusweleka kukaZS Qangule.
➢ Isikweko esikumqolo wama-26 siphuhlisa ukuba ebeyincutshe ephume ezandla kulwimi
lwesiXhosa uZS Qangule njengoko ebenguye nombhali weencwadi zesiXhosa.
➢ Kumqolo wama-27 uchasaniso lwabavelayo nabatshonayo luphuhlisa ukuba
ebeyincutshe yolwimi lwabantu abasebancinci nabadala.
➢ Kumqolo wama-29-31 imvano siqalo, isihlonipho ‘kusithele’, ‘kuchwechwe’ sityhila
ukubhubha kwale ndedeba ingumpondozihlanjiwe nomkhokeli nesixhobo esincedayo
sikwakhusela ulwimi lwesixhosa.
➢ Kumqolo wama 32-33 uphindaphindo/ imvano siqalo iphuhlisa ukubhubha
kukaZSQangule.
➢ Kumqolo wama-35 isifanekiso zwi ‘zole’ kunye nemfano zandi azol’amazulu ityhila ukuba
amazulu afumene nto ngokubhubha kwakhe. Kanti isifanekiso zwi usithe nemfano zandi
sithe lasithel’ilanga ibonisa ilahleko kuluntu ngenxa yokusweleka kuka ZS Qangule.
Kumqolo wama-40 isifanekiso zwi ucwaka sibonisa ukuba mabathule bathi tu bazole
bamnike imbeko yakhe okaQangule. Imfanozandi efumaneka kumqolo wama-41-42
ibonisa ukuba okaQangule ebezinikele esebenzela isizwe njengoko ebengumbhali
weencwadi zesiXhosa.
➢ Kumqolo wama-44-45 imfano zandi ibonisa uvuyo abanalo abasele balandulelayo eli
abafana noMqhayi xa besamkela uZS Qangule.

2.4 UMOYA WEMBONGI


➢ Imbongi ikhathazekile kuba kusweleke uZS Qangule obelulutho esizweni ngegalelo lakhe
kulwimi lwesiXhosa

2.5 IMIFANEKISO NGQONDWENI


Oweliso
➢ Iingxangxasi ucacisa ukulila kwabantu ngenxa yokusweleka kukaZS Qangule
➢ Entywila enkungwini ubonisa abafundi baseFort hare besengxakini ngenxa
yokulahlekelwa yile ndedeba.

Owendlebe
➢ Ingqukruleka ucacisa isandi sokukhala esathi savakala kwimiNgcangathelo kuba
bekhathazekile ngenxa yokuswelekelwa nguZS Qangule.
➢ Isijwili sicacisa isikhalo esikrakra esenziwa nguMdaka ngenxa yale lahleko.
➢ Uyafixiza ucacisa ukulila kukaPahl kuba ekhathazekile.
➢ Lagqekreza ucacisa isandi sokuwa komthi omkhulu onguZS Qangule.

2.6 ISAKHIWO SANGAPHANDLE


➢ Umbongo wenziwe wanemiqolo engama-45.
➢ Imiqolo yawo ayilingani eminye mide eminye mifutshane. Umzekelo umqolo wesihlanu
unamagama amane ukanti umqolo wama-32 unamagama amahlanu

12
13

2.7 UMONGO
➢ Lo mbongo ungokusweleka kukaZS Qangule owayeyinjingalwazi yesiXhosa, umbhali
weencwadi zesiXhosa nomhlohli kwidyunivesithi yaseFort Hare. Ukusweleka kwakhe
yilahleko kusapho lwakhe nesizwe ngokubanzi.

2.8 IMFUNDISO
➢ Umntu makasebenze asebenzele nesizwe ngexesha lakhe lokudla amazimba ukuze
akhunjulwe ngemisebenzi yakhe emihle akusweleka

3. UBUYIL’UMAKHANDA: P.M. QANGULE


3.1 UDIDI LOMBONGO: Lo mbongo ngumbongo mbaliso kuba sibaliselwa
ngokulandwa komphefumlo kaMakhanda.

3.2 INTSINGISELO YAMAGAMA


ISIGAMA INTSINGISELO
Umzila Umkhondo
Bagazi limhlophe Abantu abathwasayo/ igqirha
Kwelemimoya Kwelabafileyo
Izihlwele Umoya wookhokho/izinyanya

3.3 ISAKHIWO SANGAPHAKATHI


➢ Kumqolo woku-1 imbongi iwuvula ngokusixelela ukuba le nquleqhu yayisenzeka
kwiphondo laseNtshona Koloni eKapa.
➢ Kumqolo wesi-2 nowe-3 iveza indlela ababexakwe ngayo beme nematha
kukulahlekelwa ngamathambo kaMakhanda.
➢ Usebenzise imvano siqalo kumqolo wesi -4, 5, 6 etyhila ukuphela kwethemba lokuba
aya kuze afumaneke la mathambo kaMakhanda (Kungabonakali, kungavakali,
kungasabonakali) uyibeka kucace into yokuba indlela yokufikelela kula mathambo
yayingekho (Kungabonakali nomzila).
➢ Kumqolo wesi-7 isixelela ukuba izilo/ izilwanyana zaselwandle zazityela itheko.
Kumqolo wesi-8 uyatsho ukuba kwaduka kwa elo phenyane wayezimela ngalo.
➢ Usizobela umfanekiso wobunzima obebuviwa ngamabanjwa eRobben Island ngenxa
yempatho gadalala (kumqolo 9)
➢ Kumqolo we-10 imfano zandi iphuhlisa ukuba zavela izinyanya / abantu abadala
abalele ukuthula, abangasekhoyo/ umoya wabantu abadala abasele babhubha
bekhathazekile. Kumqolo we-10-13 imvano siphelo ityhila ukuba izinyanya zayibona
indlela anokuthi abuyiselwe ngayo kwabakubo batsho baxole.
➢ Kumqolo we-14-18 imvano siphelo ityhila ukuba izinyanya zachaza kumagqirha
ukuba akafanga uMakhanda koko kufe inyama kuba yena umoya wakhe usaphila
kwaye ufuna ukugoduka usiwe kootatomkhulu bakhe.
➢ Imbongi isebenzise imvano siqalo kumqolo we-19-22 etyhila imiyalelo yezinyanya
zisithi umoya kaMakhanda unxubele ikhaya kuba udibene nabakowabo asele
babhubha
➢ Imbongi ivale ngemvano siphelo kumqolo wama21-22 egxininisa ukuba idinga
lenkululeko yeAfrika ngokubanzi noMzantsi Afika lifezekile.

3.4 UMOYA WEMBONGI


➢ Umoya wembongi ukhathazekile / unxunguphele kuba uthetha ngokufa kakubi kuka
Makhanda
.

13
14

3.5 IMIFANEKISO NGQONDWENI


Oweliso: Amathambo- sibonisa amathambo kaMakhanda
Owempumlo: Ivuma lomzimba – ityhila ukuva ngeempumlo ivumba
lokonakala komzimba kaMakhanda
Owendlebe: Incwina - iphuhlisa ukugcuma ngenxa yeentlungu
njengoko abantu babephatheka kakubi xa bevalelwe
kwisiqithi saseRobben Island.

3.6 ISAKHIWO SANGAPHANDLE


➢ Lo mbongo unesitanza esinye esenziwe yimiqolo engama-22
➢ Inani lamagama kumqola ngamnye ayilingani umzekelo umqolo woku-1 wenziwe
ngamagama amathathu kanti umqolo wesibini unamagama ama-4

3.7 UMONGO
➢ Kulo mbongo imbongi ithetha ngoMakhanda omoya wakhe ufuna ukulandwa ugoduke
njengoko wathi wasweleka emva kokuba wayevalelwe eKapa kwisiqithi iRobben Island
ngenxa yeentshukumo zopolitiko. Kukholekeka ukuba waswelekela apho elwandle.

3.8 IMFUNDISO
➢ Imfundiso yalo mbongo kukuba siyazi inkcubeko nenkolo yakwaNtu mayela nabalele
ukuthula xa bathe bawela kude namakhaya abo, kufuneka ulandwe / ubuyiswe umoya
wabo ukuze baphumle ngoxolo.

4 ISELULA MG. MDLIVA


4.1 UDIDI LOMBONGO: Lo mbongo ngumbongo nkcazo, kuba imbongi
ichaza imisebenzi yeselula nokubaluleka kwayo.

4.2 INTSINGISELO YAMAGAMA


ISIGAMA INTSINGISELO ETHE INTSINGISELO EFIHLAKELEYO
NGQO
Injuze Ngumntu ogqwesileyo Yiselula ehambisa iindaba
ekubalekeni ngokukhawuleza
Edizamahlebo Ukuveza izinto Abantu bachaza iindaba eziyimfihlo
eziyimfihlo uzithi pahaha ngeselula
Atyekeze Ukukhupha Kuthunyelwa imiyalezo ngeselula
Ziyagigitheka Ukuhleka intsini etsholo ziyahleka/ ziyonwaba izihlobo
phezulu zakufumana ezi ndaba ngonomyayi
Zinkcenkceza Ziyaqengqeleka Abanye abantu bayalila bakufumana ezi
ndaba kuwe selula
Ukuntyiloza Yintsholo etsho Yindlela ekhala ngayo iselula xa
kamnandi kutsalwe umnxeba okanye kungena
umyalezo
Ukuqukanisa Ukusondeza/ Udibanisa izihlobo
ukudibanisa
Ukhuthuk’umqolo Imikrwelo Ude wanemikrwelo kuba kaloku
uyasetyenziswa ngalo lonke ixesha
Ixilongo Isixhobo somculo Nabantu abanamaqhinga basebenzisa
wena ukudlulisa umyalezo
Ndlezane Umntu onobubele Ububele beselula
ngokuhambis’imiyalezo
Ijelo Iqonga elidlulisa iindaba Iindaba ziviwa kwangayo iselula
14
15

4.3 ISAKHIWO SANGAPHAKATHI


➢ Kumqolo -1 Yinjuz’ediz’amahlebo usebenzise isikweko esityhila ukuba iselula
ihambisa iindaba ngokukhawuleza okukhulu.
➢ Kumqolo we-2 imbongi isebenzisa isimntwiso kuba abantu banxibelelana ngeselula
ukudlulisa iindaba kubantu abakude.
➢ Kumqolo we-3 sifumana isimntwiso esiphuhlisa ukuba iselula sisikhuthali kuba
ithunywa maxa onke.
➢ Kumqolo we-5- 6 sifumana imvano siqalo kunye nemvano siphelo ephuhlisa
ukonwaba nokukhathazeka kwabantu ngenxa yokufumana iindaba ezimnandi
nezimbi kwiselula kuba beyithembile iselula.
➢ Kumqolowe-8 kukho isifaniso njengeentaka esityhila ukuba iselula icula kamnandi xa
ikhala xa kungena umyalezo okanye kungena umnxeba. Kumqolo we-9 imbongi
isebenzise izithetha-ntonye uzisondezile – waziqukanisa. Igxininisa indima edlalwa
yiselula ekukuhlanganisa izihlobo.
➢ Kumqolo we-11 imbongi isebenzise uchasaniso oluphuhlisa ukuba iselula ihambisa
iindaba ezimbi nezintle.
➢ Isikweko esikumqolo we-12 siphuhlisa ukuba iselula sisixhobo esisetyenziswa
ukuhambisa iindaba.
➢ Imvano siqalo kumqolo we-13-14 iphuhlisa ukuba imbongi ibongoza iselula ukuba
mayisinyamezele iqhubeke nokuhambisa iindaba, uyayikhuthaza kananjalo ukuba
ingatyhafi.
➢ Isikhuzo Huntshu siphuhlisa ukuvuyela umsebenzi wokuthunywa kweselula.
➢ Kumqolo we-16 imbongi isebenzise isikweko ‘jelo leendaba’ iphuhlisa ukuba iselula
yiyo esiva ngayo iindaba.

4.4 UMOYA WEMBONGI


➢ Imbongi yonwabile/ ichwayitile/ iyavula ngenxa yemisebenzi emihle eyenziwa yiselula
yokuhambisa iindaba.

4.5 IMIFANEKISO NGQONDWENI


OWELISO
➢ Injuze icacisa isantya esikhulu ehambisa ngazo iindaba iselula
➢ Imiyalezo: icacisa iindaba ezibhalwe kwiselula
➢ Zinkcenkceze ngezidlela iinyembezi: icacisa umntu olilayo ngenxa yokufumana
iindaba ezibuhlungu
➢ Ixilongo: licacisa isixhobo sokuhambisa iindaba esiyiselula
OWENDLEBE
➢ Ukugigitheka: kucacisa ukuhleka kwabantu bevuyiswa ziindaba abazifumana
kwiselula.
➢ Ukuntyiloza: kucacisa indlela ekhala ngayo kamnandi iselula xa kungena umyalezo
okanye kungena Umnxeba.

4.6 ISAKHIWO SANGAPHANDLE


➢ Lo mbongo wenziwe zizitanza ezi-2. Isitanza sokuqala sinemiqolo emi-4. Isitanza
sesibini sinemiqolo eli-12.
➢ Imiqolo yenziwe ngamagama angalinganiyo umzekelo umqolo wokuqala unamagama
ama-3, kanti umqolo wesibini
unamagama -4
4.7 UMONGO
➢ Lo mbongo uthetha ngomsebenzi omhle owenziwa yiselula wokuhambisa iindaba.

15
16

4.8 IMFUNDISO
➢ Kukubaluleka kweteknoloji kuba abantu bayakwazi ukuthumela/ ukudlulisa iindaba
ezibalulekileyo ngokukhawuleza besebenzisa iselula.

5 INTYATYAMBO: M.G MDLIVA


5.1 UDIDI LOMBONGO: Yisonethi
Inemiqolo elishumi elinesine. Eyesibhozo eyokuqala ibizwa
ngokuba yi okthevu kanti esithandathu yokugqibela ibizwa
ngokuba yi sesthethi.
YINTONI INTYATYAMBO: Sisityalo esithandekayo esithi sikhule phakathi kwekhaya sinemibala
eqaqambileyo.

5.2 INTSINGISELO EFIHLAKELEYO: Kujongiswe kwintombazana njengoko sisazi ukuba iintombi


zibizwa ngokuba zizintyatyambo zesizwe.
5.3 ISAKHIWO SANGAPHAKATHI
➢ Esona sixhobo sohlalutyo esiphambili sisikweko
➢ Iimbodlela – isinxulumaniso kunxulunyaniswe imbodlela notywala
➢ Iimbodlela ziyayikhweba – sisimntwiso
➢ Njengepikoko, njengelanga – izifaniso
➢ Ukunqaba/ukuxhaphaka – uchasaniso
➢ Kumqolo we 10 no -11 imvano siphelo
➢ Kumqolo 12, 13, 14 – imvano siphelo edala isingqisho

5.4 UMOYA WEMBONGI


➢ Imbongi ikhathazekile ngemeko ephila phantsi kwayo le ntwazana.

5.5 IMIFANEKISO NGQONDWENI


OWELISO
➢ Kumqolo woku-1 womntu okhula phakathi kobunzima
➢ Kumqolo we-2 sibona umntu osindwayo ziinzingo zobomi
➢ Kumqolo we-4 ihamba angathi ayithandi irhuqa iinyawo
➢ Kumqolo we-5 ukubona into ezondelelayo
➢ Kumqolo we-6 iziyobisi zibonakalisa ukuzonwabela ukutshabalalisa ubomi bale
ntwazana

5.6 ISAKHIWO SANGAPHANDLE


➢ Lo mbongo yisonethi unemiqolo elishumi elinesine
➢ Le miqolo yakhiwo ngamagama angalinganiyo
➢ Imiqolo emibini yokugqibela sithi yi khaphlethi.

5.7 UMONGO
➢ Lo mbongo ungentombazana exhatshazwa ngamadoda amadala ikwalixhoba leziyobisi
ngenxa yentsokolo, ithemba lisekhona ukuba isengatshintsha

5.8 IMFUNDISO
➢ Imbongi ilumkisa amantombazana aselula ukuba mabazilumkele iingcuka ezambethe ufele
lwegusha kwakhona mabangavumeli iimeko ezohlisa isidima sabo.

16
17

6. IQUL’ELINGATSHIYO: M.G MDLIVA

6.1 UDIDI LOMBONGO: Yisonethi


Inemiqolo elishumi elinesithathu endaweni yeshumi elinesine.
Imiqolo esi-8 yiOkhthevi (ibonisa ingxaki)
Imiqolo emi- 5 yiSesthethi(isisombululo)

YINTONI Iqul’elingatshiyo: Ngumthombo apho kufumaneka khona amanzi amnandi


angcwengileyo nangatshiyo.

6.2 INTSINGISELO EFIHLAKELEYO: Kujongiswe kuYesu Krestu ongumMsindisi

6.3 ISAKHIWO SANGAPHAKATHI


➢ Kumqolo 1 ingqumbo yingqumbo – uphindophindo olugxininisa umoya ombi.
➢ Imvano siqala kumqolo 2 & 3 ukunika isingqisho
➢ Ithemba lixhom’zandla liyatarhuzisa – isimntwiso
➢ Vul’amehlo – isiyaleli esithi makubhenelwe kuYesu Krestu yena ongatshintshiyo.
➢ Kumqolo 9 & 10 – uphindophindo oluphuhlisa ukukhuliswa emphemfumlweni
nokungasweli nto ngokwasemoyeni
➢ Kumqolo 13 kusetyenziswe uchasaniso oluphuhlisa Ukuba xa ezelwe kabutsha
zonke izinto zikuhambela kakuhle.

6.4 UMOYA WEMBONGI


➢ Imbongi ikhathazekile ngemeko ephila phantsi kwayo le ntwazana.

6.5 IMIFANEKISO NGQONDWENI


OWELISO
➢ Ziyanyalaba – ukubonisa into ehamba khululekileyo
➢ Zizaqhwithi – ubonisa isivunguvungu
➢ Uyanzonza – ukutshona komhlaba
➢ Zifumbile – inqwaba yezinto ezithonteneleneyo
➢ Idlakadlaka – umfanekiso wento edlakazelayo, egugileyo
➢ Lixhomizandla – umfanekiso womntu onikezelayo.

6.6 ISAKHIWO SANGAPHANDLE


➢ Lo mbongo yisonethi unemiqolo elishumi elinesine/elinesithathu
➢ Le miqolo yakhiwo ngamagama angalinganiyo
➢ Imiqolo emibini yokugqibela sithi yi khaphlethi.

6.7 UMONGO
➢ Imbongi ithetha ngoMsindisi onguYesu Krestu

6.8 IMFUNDISO
➢ Ifundisa abantu ukuba iinzima zonke abahlangabezana nazo baziphose kuThixo ngokholo.

17
18

7. UGODUKILE UNTSIKANA: M.G MDLIVA


NGUBANI UNTSIKANA
➢ Untsikana nguMcirha, uzalwa nguGabha owayabafazi ababini uNoyiki no Nonabe, esi sibini
sasingavani kwaphela.
➢ UNtsikana uzalwa ngumfazi omdala uNoyiki, uzalelwe kwilali yaseNgqayi kulo nina
➢ Akuba ethe dlundlu uNtsikana, unina ubuyele emzini wakhe, uthe xa efika ekhaya uNtsikana
uyise wamphawulela inkomo egama linguHulushe
➢ Akubamdala uNtsikana naye uye wazeka abafazi ababini uNontsonta noMamqocwa. Umzi
kaNtsikana wawuseNgqushwa kwilali yakwaMaqhosha.
➢ UNtsikana wayeyinkxentsi evunyiweyo ebekuthi xa kudityenwe kwizisusa ezithile kwaziwe
ukuba nguye ozonandisa itheko elo ngomxhentso.
➢ Ngale mini azakusabela ubizo lobuKrestu wayesemdudweni nosapho lwakhe, apho afike
waxhentsa njengesiqhelo.
➢ Uthe esaxhentsa wawa izihlandlo ezintathu, kuthe kwesi sesithathu wayimisa ingoma, wathi
le nto imngenileyo ithi makuthandazwe kuba kwixesha elizayo kukho iintlanga ezizayo
ezivela eNtshonalanga, ezineenwele eziyephu-yephu ngathi bubulembu bombkna
➢ Uthe ezi ntlanga ziphethe izinto ezintathu: isiselo esigezisayo, iqhosha elingena ntunja
nomqulo omnyama onomqolo obomvu.
➢ Uthe kwezi zinto zintathu zekuthathwe umqulo onomqolo obomvu kuphela, xa zither
zathathwa zonke abantu bayophalala njengamanzi.
➢ Oku key aba sisiqalo sobuprofethi bukaNtsikana.
➢ UThixo wazibonakalisa kwisizwe esimnyama ngoNtsikana.
➢ Izinto awayezithethile zaye zenzeka kwaye zisenzeka nanamhla oku.
➢ UNtsikana walishiya eli ngomnyaka ka – 1820.

7.1 UDIDI LOMBONGO: Ngumbongo mbaliso, usibalisela ngeQhawe elinguNtsikana elathi


Labizelwa kuThixo lisemdudweni, kwaba kumhla waqala ukuba
Ngumprofethi ophume izandla.

7.2 ITHINI IMBONGI KWISTANZA NGASINYE:


ISITANZA 1
➢ Imbongi isixelela ngomnombo kaNtsikana, iyavuya kuba ibengumntu onamava noluncedo
ebantwini, Ilizwi likaThixo laqala ukufika kwisizwe samaRharhabe ngoNtsikana
➢ Ebengumzekelo omhle kwisizwe sakwaNgqika ekwanika ithemba ebantwini. Imbongi
ikwancoma nesizalo sikanina ukuba sisikelelekile.
➢ Makavunywe nayindalo ukuba ubeluncedo eluntwini,

ISITANZA 2
➢ Sichazelwa ngokuqala kwesiphiwo sokuprofetha kukaNtsikana
➢ Siphiwo eso ekukholeleka ukuba savela ngenkomo owayeyiphawulelwe nguyise egama layo
inguHulushe.
➢ Imibono iqale ebuhlanti apho kwakukho loo nkabi yenkomo

ISITANZA 3
➢ Kwakhona imbongi isichazela ngemvelaphi kaNtsikana
➢ Ikwachaza ukuba uNtsikana uwenzile amasiko waze emva koko wamkela uKrestu
➢ UNtsikana wayefundile, waze waba sisibane esizweni sakhe.

ISITANZA 4
➢ Sivezelwa uNtsikana njengompondo zihlanjiwe wolwimi ekwangumqambi wamaculo ecawa.
➢ Ubengumncedi kuluntu ngokubhekiselele kwinkolo yobuKrestu
18
19

ISITANZA 5
➢ Sichazelwa ngobizo lukaNtsikana
➢ Kwakhona ithi imbongi kukho amangqina afana noSontonga kunye noMqhayi angakungqina
oku.

ISITANZA 6
➢ Sichazelwa ngoNtsikana othe esosabela ubizo lwakhe wazishiya izinto zobumnyama.
➢ uNtsikana ebekwangumcebisi kwikomkhulu watsho waziwa kwi Afrika yonke.

ISITANZA 7
➢ Sichazelwa indlela uNtsikana aguqule ngayo iintlobo ngeentlobo zabantu, kwiindawo
ngeendawo, ebaguqulela kwinkolo yobuKrestu.

ISITANZA 8
➢ Sichazelwa ngokushiywa nguNtsikana
➢ Usweleke ngomnyaka ka- 1820

7.3 INTSINGISELO ENGUNDOQO


➢ Lubizo lukaNtsikana olwathi lwafuthela isizwe esintsundu, nokubaluleka kwemisebenzi
yakhe

7.4 IMFUNDISO
➢ Umntu uyakwazi ukuguquka kwizenzo zakhe xa ethe wadibana nobuKrestu
➢ Ubizo lukulanda nokokuba seluseludakeni

7.5 UMOYA/ITHONI
➢ Imbongi yonwabile ngokuguquka kukaNtsikana ashumayele ivangeli kwatsho kwasa
ebantwini yahlambeka imbola.

7.6 IMIFANEKISO NGQONDWENI


➢ OWELISO
- Nanko uNtsikana etyhutyha ilizwe……
- Nesikhokhelo kwaNgqika….. ngathi uyambona ekhokhela amangqika
- Isitanza 7 sizotyelwa umfanekiso ngqondweni ngathi siyayibona
inquleqhu eyenziwe nguNtsikana eshumayela ivangeli.
-
➢ OWENDLEBE
- Gqekre – gqekre, ophuhlisa ukwenzeka ngokukhawuleza kwezinto

7.7 ISAKHIWO SANGAPHAKATHI


Amagama anobunzima: Inyange- yinkonde /umntu omdala onamava
Ingqanga-ngqanga – umntu obalulekileyo/isihandiba
Walunyulwa – wayekiswa engekathandi izinto azithandayo
Lubethiwe ucingo – kufikile ukufa
➢ Izafobe -: ugodukile – sisihlonipho esichaza ukuba uswelekile
➢ Isikweko – Nyengane yamanyange….. siphuhlisa ukomelela kukaNtsikana/ ungumnu abathi
babalekele kuye xa bexakekile
➢ Tyhini – sisikhuzo sibonakalisa ukuncoma
➢ Isimntwiso – iTyhume nemingcangathelo…… siphuhlisa ukuba uvunywe nayindalo ukuba
ungumprofethi

19
20

➢ Gqekre – isifanekisozwi sibonisa indlela angenwe ngayo yimibono nendlela eyenzeka


ngokukhawuleza ngayo.
➢ Tshawu – tshawu isifanekiso zwi esiphuhlisa ukukhawuleza kwezinto
➢ Imvano siqalo kwisitanza 4 umqolo 1,2,3,5 – idala isingqisho
➢ Imfano zandi kwisitanza 7 – kumqolo 1 – 7 iphuhlisa ukuzingisa kwesenzeko
➢ Kusetyenziswe ushiyo sikhamiso ukudala isingqisho;

7.8 ISAKHIWO SANGAPHANDLE


➢ Umbongo unezitanza ezisibhozo, izitanza zinemiqolo engalinganiyo ngobude namagama
asetyenzisiweyo.

8. OOKHOKO BETHU: P.M QANGULE


8.1 UDIDI LOMBONGO:
• Ngumbongo-nkcazo osichazela ngokubaluleka kwabantu abadala ababhubha kudala
nanjengoko ngokwenkcubeko yethu baluncedo kwintlalo nakubomi esibuphilayo

8.2 INTSINGISELO YESITANZA NGASINYE:


• Kwisitanza sokuqala esona safobe siqaqambile sisikweko “yindyebo kwabanxanelwe
iintsikelelo” imbongi isivezela izinto ezithi sizenzelwe nguYehova xa silangazelela iimfefe
zakhe ngokunjalo nookhoko bethu basenzela oko
• “Bubomi” nokuba sebengasekho basenzela izinto ezintle
• “Bubusi” basoloko besixhobisa ngezinto eziya empumelelweni
• “Sisivundisi” imbongi icacisa ukuba indlela siyiboniswa ngabadala abangasekhoyo
besikhulisa ngamava
• “Ngamanzi” imbongi idandalazisa ukuba kwele mimoya akukho ngxokozelo
• “Zintsikelelo” imbongi idandalazisa ukuba iimfefe zisoloko zisehla kwabo bashiyeke
ngasemva
Isitanza sesibini:
• Imbongi isebenzise izikweko “yigolide, yisilivere ookhoko bayosoloko beyindyebo kuthi
nokuba bengasekhoyo kuba basoloko besijongile
• Luthango” zonke izinto esizenzayo ngokwenkcubeko yethu sikholelwa ukuba basoloko
besijongile
• Linqugwala “bayasikhusela kuzo naziphi na izinto esihlangabezana nazo
• Libhotwe bubuhle esibenzelwa ngabo ngobukroti babo
• Sisiqholo” siyabanqula xa sisenza isiko ngokwentlalo kwaXhosa

Isitanza sesithathu:
• Imbongi isebenzise isikweko “liziko, yimbiza” idandalazisa uvimba apho thina bantu
bamnyama sifumana amathamsanqa, sikwafumana nezinongo zobomi
• Yinkonzo” ngokwenkcubeko yethu abanye abantu bakholelwa kwizinyanya
• Abo basakholelwa kumasiko mabonwabe, nabo basaboniswa xa belele

Isitanza sesine:
• Imbongi isebenzise izithetha-ntonye “vuyani, nigcobe mabonwabe kulo ndawo bakuyo
• Kwistanza sesibini ithi imbongi mabalale ngoxolo kwaye basoloke besibonisa izinto ezintle
kumaphupha ethu basikhusele ezingozini
• Ookhoko bethu mabasikhanyisele kule mpucuko isilahlekisayo ukuze singalandeli iinkolo
zezinye izizwe size silahle amasiko wethu

20
21

8.3 IMIFANEKISO NGQONDWENI:


• Oweliso: amanzi azolileyo kubonisa ukuba akusekho ngxabano apho bekhona
• Owevumba: isiqholo imbongi ibonisa ukuzola
• Owencasa: bubusi” umbhali ubonisa ukuba amava afunyanwa kwizinyanya

8.4 IMFUNDISO
• Kulo mbongo imbongi igxininisa inkolo yokuba umntu ngumoya ongafiyo koko yinyama
ephelelwayo kuba kuninzi ezikwenzelwa ngokhoko bethu /masizingce ngemvelaphi yethu
singawalahli amasiko

8.5 ISAKHIWO SANGAPHANDLE:


• Izitanza zine
• Imiqolo iyalingana isithandathu kwisitanza ngasinye
• Amagama ayalingana kwisitanza sesibini mane, kweminye imiqolo kwizitanza amagama
akalingani.

8.6 UMOYA/ITHONI:
• Umbhali uyancoma wonwabile zizinto esizenzelwa ngookhoko bethu

8.7 ISAKHIWO SANGAPHAKATHI

Isafobe Ukusichonga Siphuhlisa ntoni


Isikweko Yindyebo Sifumana intlutha kuba sitsho sifumane iimfefe
zikaMdali
Isikweko Bubomi
Bubusi Basinika amathamsanqa
Sisivundiso Nokuba bengasekhoyo basenzela izinto ezintle
Ngamanzi Akukho kulwa
Zintsikelelo Izizukulwana zifumana amathamsanqa
Yigolide Uncedo lwabo alufunyanwa nokuba ngubani
Yisilivere Yindyebo efunyanwana ngabo basaphilayo
Luthango Bayasikhusela ngokwenkcubeko yethu
Linqugwala Bedelelekile kodwa kuninzi abasenzela kona
Libhotwe Masibahlonele kuba basixhobisa ngobukroti
Sisiqholo Ngokwenkcubeko yethu sinqula bona
Liziko Sisoloko sibanqula kwinkcubeko yethu
Yimbiza Baluncedo kwintlalo yethu
yinkonzo Sikholelwa kubo ookhoko bethu
Imvano Intsikelelo Idala isingqisho
siphelo impumelelo
Enqabileyo
bashiyiweyo
Kwimveli
Zemveli
isigama Ubulawu Iintsikikelo ezehlela izizukulwana
Emathongweni Ukuba siyababona emaphupheni xa silele

21
22

9. UMONA: M. G MDLIVA
9.1 UDIDI LOMBONGO:
• Ngumbongo-nkcazo osichazela ngomoya ombi obangela ukuba umntu angakwazi
ukuyincoma into entle ekomnye kuba yonke into entle uyifunela kuye

9.2 INTSINGISELO YESITANZA NGASINYE:


• Kwisitanza sokuqala esona safobe siqaqambile luphinda-phindo “yingcinga imbongi
isivezela yinto engaphakathi apha kuye engqondweni okanye ngumvandedwa
• Usebenzise izithettha ntonye “ukungondleki nokunqina ebethelela le ngcinga
etshabalalisayo
• ‘Enyolukileyo’ imbongi iphuhlisa intliziyo ende, ukungoneli yinto umntu anayo
• “engundileyo “into embi emdaka esentliziyweni yomntu
• Imbongi isebenzise izikweko “umtshabalalisi ongenanceba umxabanisi onoburhalarhume”
ukuswela uvelwano nobukrwada bomntu onomona kuba akonwatywa apho akhona usoloko
edala ingxabano
• Le miqolo iyonke isichazela ngobubi nobungozi bomona

Isitanza sesibini:
• Imbongi isebenzise izikweko “ngumzingeli” udandalazisa ukuba usoloko efuna I nto
ezabangela ukuba kusoloko kunengxabano
• “Ngumzond’onzondo inzongozongo” imfano zandi edala isingqisho kwakhona ngumzondo
sisikweko kuba ude ubizwe ngesilwanyana esinevumba elibi nawo umona unjalo
• “Lidlakadlaka” sisikweko esibonisa ukungaxoli emphefumlweni
• “Lixelegu, lixixilili, yihagu” zizithethantonye/izikweko ezibonisa ukungazithandi komona
umonela nento engekhoyo
• “Lixixilili lexambululu likaxam” imfanozandi edala isingqisho

Isitanza sesithathu:
• Imbongi iphuhlisa umxholo ngezifanisa “onjenge, nqwa” inkanyamba umoya omkhulu
otshabalalisayo lo nto ibonisa iziqhamo ezingekho ntle ezibangelwa ngumona
• Igwala” lidandalazisa ukuba kuthi
• Inyikima ukuzamazama komhlaba
• Yho! Uphawu lwesikhuzo olubonisa umothuko luphuhlisa ubukhali bokutshisa nokuvutha
komona nomsindo wokungafuni into entle
• Ngumqal’oqaqambe ngokuqalekisa imfanozandi ebonisa isingqisho nokuphimisela
kwamagama emlonyeni atshabalalisayo nabulalayo anganqweneli nto intle emntwini

Isitanza sesine:
• “Yingcangula” sisikweko esibonisa ubuhlungu bomona entliziyweni
• Umqolo wokuqala ungqibela ngegama ebangulayo” uze owesibini umqolo uqale kwangelo
gama luxwesiso lwemiqolo
• Yinyoka” sisikweko esidalazisa ukungaqondakali komntu onomona ezifihla ngenxa yokuba
esoloko efuna ukuba yonke into ize ngakuye
• Ilovane” uyazitshintsha-tshintsha umnto onomona engafuni ukubokalisa icala akulo
• Lizemb’elizamla” sisimntwiso esibonisa ifuthe lomona lisoloko livakala naphi na kwaye
liyabhubhisa
• Nguchil’inyaniso” ubhebhetha kwanto entle kuba unentiyo

22
23

Isitanza sesihlanu:
• Kumqolo wokuqala imbongi isibonisa ukuba xa unale dimoni awukufumani ukuphumla
• Usoloko uxhelekile emphemfulweni
• Izinto ezintle usoloko ufuna ukuba zibe ngakuwe
• “Igogotya, igqolo” zizithetha ntonye ezidandalazisa ukungakwazi ukupha omnye umntu into
• “Umbimbilizi” isikweko esibonisa ukungoneli komntu onomona
• “okwefatyi” isifaniso esidandalazisa ubukhulu bomona emntwini

9.3 IMFUNDISO
• Umona awubuyiseli kuba ubangela inkohlakalo kwaye ungazigqibela sowusenza izinto
ezimbi ezifana nokubulala

9.4 IMIFANEKISO NGQONDWENI


• Oweliso –waca waca uphuhlisa imbubhiso eyenziwa ngumona
Ukulephuza amadangatye iphuhlisa ukuvutha komona nomsindo wokungafuni into entle

9.5 ISAKHIWO SANGAPHANDLE:


• Izitanza zintlanu
• Imiqolo iyalingana isithandathu kwisitanza ngasinye
• Amagama ayalingana kwisitanza sokuqala mabini kumqolo ngamnye nakwesesibini isitanza
amagama ayalingana mathathu

9.6 UMOYA/ITHONI:
• Umbhali udandathekile /ungxunguphele

9.7 ISAKHIWO SANGAPHAKATHI

Isafobe Ukusichonga Siphuhlisa ntoni


Uphindaphindo Yingcinga Into engaphakathi
emntwini/entloko/engqondweni/umvandedwa
Isikweko Umtshabalalisi
Umxabanisi Ukudala inxabano
Ngumzingeli Kukukhangelana nento ezodala ingxabano
Ngumzondo Sisilwanyana esinevumba elibi
Lidlakadlaka Kukungaxoli emoyeni
Lixelegu Ukungazithandi
Lixixilili Ukungazikhathaleli
Yihagu Ukungcola komntu onomona
Yingcangula utsho kabuhlungu entliziyweni
Yinyoka Kukuzifihla angafuni kuvela elubala
Lizembe
Isifaniso njenge Ububi obenziwa ngumona
nqwa
Okwe
Imfano zandi Ngumzond’onzondo Ukungathandeki komntu onomona
inzongonzongo
Lixixilili lexambululu Ubuxelegu bomona
likaxam

23
24

Ngumqal’oqaqambe Amazwi atshabalalisayo anganqweneli kwanto


ngokuqalekisa intle
Isimntwiso Elizamla
Isigama Intsingiselo
Ixumbululu Ukuba lixelegu
ungazithandi
Ingcangula Isipeleti esitsolo
yesilanda
Igogotya Umntu ovimbayo
eligqolileyo
Umbimbilizi Ukutya yonk’into

24

You might also like

pFad - Phonifier reborn

Pfad - The Proxy pFad of © 2024 Garber Painting. All rights reserved.

Note: This service is not intended for secure transactions such as banking, social media, email, or purchasing. Use at your own risk. We assume no liability whatsoever for broken pages.


Alternative Proxies:

Alternative Proxy

pFad Proxy

pFad v3 Proxy

pFad v4 Proxy