1 Isixhosa HL Grade 11 Worksheet Notes Poetry
1 Isixhosa HL Grade 11 Worksheet Notes Poetry
1 Isixhosa HL Grade 11 Worksheet Notes Poetry
EASTERN CAPE
EDUCATION
Iqula elingatshiyo
1. Ingqumbo yingqumb’esind’umhlaba,
2. Ziyanyalas’ezenyam’iimfazwe.
3. Zizaqhwithi zezomoy’iimfazwe,
4. Uyanzonz’umhlana ngamangcwaba.
5. Izifo zifumbil’imiphefumlo iyajijitheka,
6. Idlakadlaka lendlala liyagqugqisa.
7. Ithemba lixhom’izandla liyatarhuzisa,
8. Vul’amehlo ubon’iqul’elingatshiyo,
9. Amanz’asindis’umxhelo.
10. Amanz’abhacisa unxano naphakade
11. Osele kulo akanxanwa naphakade.
12. Ngokholo ungenile kulo yothulw’imithwalo
13. Budlul’ubom’obudal’uphil’obutsha.
Udidi lombongo
Yisonethi Yamangesi/kashakespear) Ineekwatreni ezintathu nekhaphulethi
Eyakhiwa yimiqolo emibini yokugqibela.
Imiqolo yesonethi ngokolwazi ilishumi elinesine. Olu uhlobo umbhali uyenze
yanemiqolo elishuni elinesithathu
Imiqolo esixhenxe yokuqala yi-okthevu. Emithandathu yokugqibela yisestethi. Kwesi
sithandathu emibini yokugqibela kuthiwa yikhaphlethi. Yiyo enika isishwankathelo
sombongo.
Inkcazelo yesihloko sombongo
Iqula yindawo eluncedo eluntwini ngokugcina amanzi. Yindawo esoloko izele
ngamanzi.
Yindawo ekuthi kwakoma uluntu lube nethemba lokuba amanzi equleni awapheli.
Eli iqula abhekisa kulo umbhali wombongo nguMdali osoloko empempeza usindiso
lomntu ngamaxesha onke
Intsingiselo yamagama angaqhelekanga kulo mbongo
Ingqumbo Ingqumbo yimo yomphefumlo ehamba nokungonwabi
nomsindo ngenxa yesenzo esithile.
Ziyanyalasa Ukunyalasa kukuhamba ngendlela ebonakalisa
indelelo nokungoyiki okanye ukungakhathali
Zizaqhwithi Imeko yesaqhwithi ngumoya omkhulu onamandla
ohambela phezulu
Uyanzonza Ukunzonza kukuya usehla ngokwesithomo ngenxa
yokusindeka yiloo nto uyithweleyo
Zifumbile Into efumbileyo yinto ebekelelwe enye phezu kwenye
ngendlela engathandekiyo nenganyamezelekiyo
Idlakadlaka Idlakadlaka yinto egugileyo ngokungenakuncedakala.
De sithi livithi,iliswili.
Liyagqugqisa Yinto engabaphethanga kakuhle abantu ebetha
ibuyelela, ithi ilapha ibe iphaya
Liyatarhuzisa Ukuphakamisa izandla ucela uxolo. Ubonakalisa
ukunikezela
Umxhelo Umxhelo yimeko yokutsala umphefumlo xa ngathi
uyoma umphefumlo.
Abhacisa Ukubhaca kukubaleka uye kwindawo ethile ngenxa
yemeko embi okuyo
Ukholo Kukuqiniseka ukuba into iza kwenzeka noba akukho
nto ungqiyame ngayo.
Umxholo
Umxholo ungokubonakaliswa kwamandla kaSomandla uMsindisi angaphele
ndawo. /Ukungenelela koMsindisi kubomi xa sele Amandla ephelile./ Ungokuba
kungalahlwa themba kuba kuyabonakala ukuba abantu bayasweleka ngenxa
yokuphelelwa lithemba kanti likhona iqula elingatshiyo elinguThixo./ Xa
unethemba kulula ukuba uphumelele ebomini kanti xa ungenalo uza
kutshabalala.
Umongo wombongo
Umongo uthi nokuba iimeko zobomi zikuthwaxe kangakanani ukuba uthe
wazamkelela uMsindisi ubomi buyakujika inge usele amanzi obomi. Buya
kutshintsha nobomi bakho.
Intsingiselo engundoqo/yentsusa
Ubomi bunemingeni exhwala inyama nomphefumlo de kuphele nethemba.
Nangona kunjalo ukhona uMsindisi othi wakubhenela kuye atshintshe iimeko.
Imfundiso
Ukwamkela uYesu uMsindisi buyabutshintsha ubomi./Ukuba wamkela uYesu
iinzima nemithwalo inga iphelile/iyaphela./Ngumsindisi kuphela onako
ukukunceda kwingxaki onayo./ Sifundiswa ukuba nangona kukho iimeko zobomi
ezibangela ukuba litshabalale ithemba, kodwa kubalulekile ukuba sihlale
ethembeni kuba ukhona uThixo kwaye izinto uzenza ngexesha lakhe ngoko ke
masingalahli themba
Umoya wembongo
Umoya wembongi umbolo mbini. Kwimiqolo yokuqala esixhenxe ibhongi
ayonwabanga. (Ziyanyalas’ezenyam’iimfazwe, izifo zifumble, indlala
iyagqugqisa) Kanti kwimiqoli emithandathu yokugqibela imbongi yonwabile.
(Amanz’abhacis’unxano, Osele kulo akanxanwa naphakadeungenile kulo
yothulw’imithwalo)
Imifanekiso ngqondweni
Oweliso
Ziyanyalasa:Ukuhamba ngokungoyiki mntu, nokuzithemba. Iimeko ezixhwala
inyama zinga azoyiki kangangobuninzi nobunzima bazo.
Zizaqwithi: Umoya onothuli omkhulu obheke phezulu. Imeko ezihlungisa
umphefumlo uzifanisa nomoya osisaqhwithi ngendlela ezifika zimhlasele ngayo
umntu.
Uyanzonz’umhlaba: Into eyoyisakalayo kukusindwa inge iye isehla ngokobude.
Ukuba kuninzi kokufa kwenza umhlaba unge uyasindeka.
Imiphefumlo iyajijitheka: Ukuhamba ujonge ngemva ngathi kukho nto owala
ukuyishiya. Ukubonakalisa ukungonwabi nokukroka.
Idlakadlaka lendlala: Into engathandekiyo, engabukekiyo, embi.Indlala ekhoyo
ayithandeki
Liyagqugqisa: Into ebaphethe kakubi abantu, ingabaphe thuba. Le ndlala ithi
ilapha ibe iphaya. Igqibe uluntu.
Ithemba lixhom’izandla: Ukuphakamisa izandla ngokungakwazi kwenzanto. Le
meko ibonakalisa ukuphela kwethemba ebantwini. Belikho ngoku alisekho.
Isakhiwo sangaphandle
Umbongo uwonke wakhiwe yimiqolo elishumi elinesithathu.
Le miqolo 2, 3, 4, 6, 9 yakhiwe ngamagama amathathu.
Le miqolo 1, 5, 7, 10, 11 yakhiwe yimiqolo emine.
Le miqolo 8,12,13 yakhiwe yimiqolo emihlanu.
Isakhiwo sangaphakathi
Ushiyo sikhamiso
o Imbongi ibalasele ngoshiyo sikhamiso ukudala isingqisho/undindwano
Imvano siqalo
o Kumqolo wesibini nowesithathu sinemvano siqalo edalwa lilungu legama
u-zi. Le mvano siqalo idala isingqisho.
Uphindaphindo
o Kwakule miqolo mibini owesibini nowesithathu sifumana uphindaphindo
lwegama ‘iimfazwe’ olufumaneka ekupheleni kwemiqolo. Olu
phindaphindo lugxininisa ububi bemeko yenyama neyomphefumlo de
ngathi kukho ukulwa.
o Kukwakho olu phindaphindo lwegama ‘amanzi’ kumqolo wethoba nomqolo
weshumi. Lugxininisa kumandla nomsebenzi wala manzi afumaneka kweli
qula lingatshiyo
o Kumqolo weshumi nomqolo weshumi elinanye sikwafumana
uphindaphindo lwegama ‘naphakade’. Kugxininiswa kumandla ala manzi
eli qula. Akunceda ubomi bakho bonke.
Isafobe esiqaqambileyo sisimntwiso ukuzoba imeko obuyiyo ubomi
o Uyanzonza umhlaba. Into enzonzayo ngumntu xa kusithiwa ukhula ukubheka
ezantsi. Oku kunzonza kuchaza indlela umhlaba ongakwazi ngayo
ukumelana nokufa.
o Imiphefumlo iyajijitheka: Xa ujijitheka uhamba ujonge phambili uphinde
unyeke ngemva ngathi kukho nto oyishiyayo ngemva. Oku kujijitheka
kubonakalisa ukungonwabi komphefumo wabantu ngenxa yeemeko abakuzo.
o Idlakadlaka lendlala liyagqugqisa: Ukugqugqisa kukubetha ubuyelela hayi
kakuhle koko kakubi. Le meko ihamba iphinde ibuye, ithi ilapha ibe iphaya.
o Ithemba lixhom’izandla liyatarhuzisa: Ukuxhoma izandla ngumfuziselo
wokunikezela nokungabi namandla. Ithemba ke lizotywa njengeliphelelweyo
nelicela uxolo ngokutarhuzisa.